
Chuma Mgcoyi
Iminyaka yengcali: 26
Cape Town, South Africa
Emva kwalo majiko-jiko endlela, zakwesosixeko siyokoyoko sezigwili zaseTamboerkloof, kufutshane nenkcochoyi yenduli kukho isikhululo sakudala somkhosi wokhuselo. Esi sikhululo sesaguqulwa ukuba sibe ngumzi wolimo omncinci, umi ngokwahlukileyo kweminye imizi apha ekuhlaleni. Ndidibana noChuma phezu kwentaba apho ahlakula khona ngengqatsitsi yelanga. Iinwele zakhe ziphothiwe zazidredloks, unxibe iqhiya ebhanyabhanya entloko. Uthe akuncuma endibulisa kwathi gqi izinyo legolide elikhazimlayo.
Ndazalwa ndakhulela eMpuma Koloni kwisixeko esibizwa ngokuba kuseBhayi. Ndihleli eBhayi kwade kwalithuba lokufudukela kwam eNtshona Kapa kwisithuba seminyaka emithandathu edlulileyo, ndizokufuna umsebenzi kwicandelo lemifanekiso bhanyabhanya nanjengoko isakhono sam sikwikwimidlalo yezeqonga. Ndifundele imidlalo yeqonga injongo yokukufudukela kwam eKapa ndandinethemba lokufumana umsebenzi kwelicandelo. Kodwa kwakungelulanga ukufumana umsebenzi - kwa ukufumana ithuba lokubonisa okanye uvavanyo lwesakhono sam.k. Emveni kokwenza imiveliso embalwa ndaye ndaxelela izizalwane kwakunye nezihlobo zam ukuba ndifunaukuba ngumlimi. Isininzi kubo babekhwanqisekile kwaye bengakholelwa becinga ndithetha nje kwaye bengandikholelwa ukuba kuyandikholisa oko.
Indawo endikhulele kuyo eMpuma Koloni kusedoluphini nto leyo endenza ukuba ndibeyintwazana yasedolophini encinane Bendingenalwazi lubheke phi ngobomi basemaphandleni ngaphandle nje kokumane ndindwendwela izizalwane zam ebezihlala apho ngamaxesha athile, Umama wam ubuya kwilali zaseKomani, kodwa thina besityelela khona xa siyokuzimasa izinto ezifana nemitshato okanye imingcwabo
Ukukhula kwam eBhayi, ndikhuliswe nguMakhulu kwakunye noTatomkhulu wam kuba uMama ebengumfundi. Sakhula sisondliwa ngokutya okusuka kumhlatyana nje omncinci ngoba uTatomkhulu wayekuthanda ukulima nokufuya inkukhu. Yayinto enganamsebenzi kum kuba ndandingekakuboni ukubaluleka komhlaba ngeloxesha kwaye ndingazange ndinyanzeliswe ukuthatha inxaxheba. Ndandingumntwana nje ozonwabeleyo ndingekabinalwazi lokubaluleka komhlaba nokulima.
Amava okuqala kwam ukuba seqongeni
Ndikhule ndikuthanda ukuba seqongeni.. Ndikhumbula ndiseneminyaka emithandathu, oodade bam abadala babekwiqela lomdaniso nokucula. Babendibandakanya kwiqela labo , ndandiba ngulomntwana omncinane odanisayo ndime phambi kweqela elidala. Ndicinga ukuba lawo yayingamava am okuqala okuba seqongeni.
Ngokuye ndikhula, ndandifunda indlela zomdaniso ezazisenziwa ngabantwana abasebekhulile, ndiyokufundisa abahlobo bam. Kulapho ndaliqala njalo ke iqela elincinci lokudanisa nabahlobo bam.U-Sisi othile apha ekuhlaleni i ngeloxesha owayekwiqela lobugcisa, wakuthanda oko sasikuqalile waze wasifaka phantsi kwephiko lakhe. Wasiguqula saliqela elisemthethweni. Saqala safumana izicelo zokubukisa kwiminyadala yaseCaweni, imitshato,nakweminye imicimbi yasekuhlaleni. Abantu babesimema sizokubukisa basibhatale.Ngalondlela sakwazi ke ukuzithengela izinxibo ezifanayo zeqela lethu Sithi xa sicinga sincokola ngalomaxesha nabahlobo bam asiyeki ukuzihleka! .
Imfundo yokuzama ukuphila
Ndithe xa ndineminyaka elishumi elinesibini , ndaqala andalawuleka, ndatshaya icuba. Ndazinikezela kwimikhuba endayibona isenziwa ngoontanga bam, oko kwenza ukuba kubenzima ku makhulu notat’omkhulu libam ukundiphatha.
Wathi esakuyazi umama wam into yokuba ndiluxanduva kumakhulu notatomkhulu, wavumelana nabo ukuba ndiyokuhlal ezilalini kudade botatomkhulu. Ngokwesithethe ke nguMakhulu wam naye.
Wonke ubani wayemaz ngempatho yakhe egadalala , kwaye ndandingazokwenza unothanda xa ndikuye, Babeyazi ukuba uzakundifaka emgceni, wenza kanye oko. Wayehlala kwingingqi eMpuma koloni ekuthiwa kuseKomani.
Nangoku iyadi kaMakhulu isagcwele imifuno nemithi yeziqhamo. Kodwa okubuhlungu kukuba wandenza ndisicaphukele isitiya sakhe, kuba wayendivusa ngentseni. ngecala emva kwentsimbi yesine ukuba ndiyosebenza esitiyeni. Kodwa ndinombulelo ngakuye ngoku - hayi ngolimo kuphela kodwa nangentaphane yezinye izinto ezifana nokucoca, nokupheka, ewayendinyanzela ukuba ndizenze. Ndandizicaphukela ngoko, kodwa ngoku ndiyazibona imfuneko yazo, Ndiyambulela kakhulu ngalomfundiso yokuziphilisa. Ngoku nam sendikhulile ndicinga ukuba ndakwenza kanjalo nakubantwana bam.
Umpondo zihlanjiwe wokubalisa amabali
Ndikhumbula kakuhle umakhulu ethanda ukubalisa amabali okuba babephila njani ngomhlaba nokuba babesikha amanzi emlanjeni. Nanjegokuba ndiyiintombi yedoluphu kum kwakuvakala ingathi ubalisa ibali lakudala lika mabona kude Wayedla ngokuthi “niyayazi ukuba kutheni nina bantwana belixesha nigula ukodlula thina? Ngoba thina sasiqhele ukuya emasimini sisebenze njengabantwana sivune.[1] Oko kwasenza somelela.”
Isininzi semfundiso zikamakhulu wam wayezenza ngokubalisa amabali, wayengumpondo zihlanjiwe kanobalisa. Ndicinga ukuba yilonto eyandikhokhela ekubeni ngumdlali weqonga
Ndisanda kukhunjuzwa ngelinye lamabali ka makhulu kutsha nje, xa umzala wam ebebonisa ifoto yomthi wamaqunube ku facebook i, ngesihloko esithi 'Usakhumbula sisengabantwana "
Kukho bali lithile umakhulu wayethanda ukulibalisa rhoqo ngexesha lesivuno samaqunube. Eyona njongo yelibali yakukuzama ukusixelela ukuba singatyi amaqunube abomvu angavuthwangwa sitye la amnyama, okanye siyakufunyanwa lutyatyazo. Wayesibalisela ngomntwana owathunywayo ngumama wakhe ukuba aye kuvuna amaqunube, waze wathi umama emntwaneni, "Uze ungawatyi abomvu.Utye kuphela la amnyama”.

Kodwa umntwana wathi esakufika kumthi wamaqunube, wafikelwa kukonqena ukukhangela la amnyama avuthiweyo amaqunube wasuka watya kula abomvu ekulula ukuwafumana.. Ulwimi lwakhe lwaqala lwangcangcazela wafikelwa lutyatyazo. Wabaleka ekhangela indawo yoku beka ilindle lakhe. . Emveni kokulibeka ilindle, laqala lathetha lisithi " Ungandishiyi apha! hamba nam". Waphendula ngelithi “andinawube ndizula nelindle”, wayengenakwazi ukuhamba nalo ilindle,‘’Ukuba awundithathi ndizakulandela ndiyokuhlala esitiyeni sakho kwaye bazakuhleka bonke abahlobo bakho"
Amabali kamakhulu ayenobabazo kwaye engalibaleki. Ngebali nje elinye wasifundisa ukungabi ngamavila njengalomntwana, wakwasilumkisa ngokutya amaqunube angavuthwangwa, futhi wayesihlekisa.
Umqweno wentsebenzo
Ekukhuleni kwam andiyekanga ukudlala eqongeni , ndandikumaqela emiboniso asekuhlaleni eMpuma Koloni, Ndandidanisa ndicula kwiminyhadala eyahlukileyo ngexesha endandifundela isidanga sam.
Umnqweno omkhulu kwisininzi sogxa bam endandifunda yayikuyosebenza emigodini. Ndiyavuya ndingazange ndeyele kuloomgibe, . Uninzi lwabo kungoku nje lusebenza emigodini.
Kwiminyaka embalwa edlulileyo saye sadibana neqela endandifunda nalo kwisikolo saamabanga aphezulu. Ndaqala ndathetha ngempembelelo embi lwemigodi kwindalo. Abanye babo ayizange ibaphathe kakuhle intetho yam besithi mna ndijongela phantsi imisebenzi yabo kwaye ndiyabenze bangxunguphale Ndisakhumbula ndiphendula ndisithi kubo, "Ewe,ukuba ndiyaninxunguphalisa kokona kulungileyo. Ndifuna kubenjalo”
Ulwambiwo migodi lungunobangela womonakalo omkhulu kwindalo, kwaye kufuneka sithethe phandle ngalomonakalo owenzayo yimogodi ekuhlaleni. Incoko yangalomini yandenza ndanomnqweno wokuba bekungakho inkcazelo efikelekayo ethe vetshe ngemiphumela yolwambiwo migodi.
Indawo elungileyo yokuzimela wonwabe
Ukuqala kwam ukufika eKapa, ndandiqeshe indawo yokuhlala nomzala wam eObsevatory[2] logama ndandisafuna umsebenzi kwicandelo lemifanekiso bhanyabhanya. Sahlala apho kwade kwafikelela apho sasingasakwazi ukufikelela ukubhatala indawo yokuhlala, njengoko sasingenamivuzo. Kwingqesho yemifanekiso bhanyabhanya umsebenzi uwufumana ngamaxesha athile, ngelinye ixesha kuhle kanti ngelinye kuyazola. Kuye ke kubenzima ukukwazi ukuzimela ngokwasezimalini kuba umsebenzi uza ngamathuba athile.. Kwakungehlukanga ke nakum. Kwakunzima ukuwufumana umsebenzi ussigxina , andibinayo imali yokubhatala indawo yokuhlala.
Ngexesha lokuhlala kwam eObsevatory, ndandinokuya kwisikhululo sakudala somkhosi wokhuselo ndizokundwendwela ndincedise kunakeklo lwezilwanyana emveni kokuba ndaxelelwa ngumlobo wam ngayo. Ndayithanda lendawo nje ubuqu bayo nomdlandla owawuphakathi kule ntsimi.

U-Andre ngomnye wabantu bokuqala endadibana nabo kwesisikhululo. Waye ngumgcini wendawo yabezokhuselo ngexesha esi sikhululo sasisasebenza. Ekugqibeleni isikhululo kwakungekho nto iqhubekayo kuso. Wabona lendawo intle engananto, wazenzela ikhaya.
UAndre yindoda emhlophe yomDutch i eyayithandana nentokazi emnyama. Ngexesha localulo eMzantsi Afrika, wawungatshiswa ngabantu xa uthe wazibandakanya nomntu welinye ibala. uAndre wathatha isigqibo sokuhlala kwesisikhululo sabezokhuselo esasingasasebenzi , wayeyibone nje ngeyona ndawo elungileyo yabo yokuzifihla, bonwabe bazikhulisele abantwana babo.
Ke ngoko yena nowakwakhe uSophie baza baqala ukuzihlalela apho, baze nabanye abantu baqala bezokuhlala nabo ekuhambeni kwexesha. Yaqala njalo ke ukuba ngumphakathi. Abanye abantu sebeneminyaka esixhenxe nangaphezulu behlala apha.
Ngeli xesha mna nomzala wam sasikhutshelwe ngaphandle kwindawo yethu yokuhlala, Sasifuna nje indawo okwethutyana. Uthe wakuva oko uAndre wasinika indawo yokuhlala okwethutyana Ngelithi uyawuthanda umdlandla endiwuzisayo kwaye uyaluvuyela uncedo lwam lokunceda ngokondla izilwanyane ngoko ke wayekuthakazelela ubukho bam kulendawo. Ndabulela kakhulu njengoko mna nomzala wam sasingayazi ukuba siyakubhadula siyephi.
Ngoko ke, kulapho kwaqala khona uqeqesho lwam lokulima ukutya.
Ukukhulisa lomsebenzi wokulima
Oyena mceli mngeni ekufikeni kwethu kwesisikhululo yayikukuba bonke abantu abanikwe indawo yokuhlala apha nguAndre babehlala kwaye belala egumbini elinye bonke. Yayingengomagumbi mancinci kodwa sasixubene - igumbi lalikwazi ukuba namadoda amathathu kwakunye namabhinqa amathathu abangakaze bazane ngaphambili. Yayi ngunkxwe. Igumbi lalingenazifestile. Apho kwakukho iifestile khona zavalwa kwashiyeka kumnyama kakhulu.
Kungeloxesha ke apho ndadibana khona nomfo okwakusithiwa nguLumko owayefike kwiveki nje ezingephi phambi kwam. Kwincoko yethu wabalula ukuba bakhulisa nje iintyatyambo nokuncedisa uAndre kwizilwanyana abathathelanga ngqalelo ukuqala isitiya sokutyala uutya. Ngeloxesha ndandisazibona njengomntu ongumhabi apha wangaphandle onikwe nje indawo yokufihla intloko okwethutyana, Ndavuma ke ngoko ukuncedisa uLumko ngokuqala isitiya. Nangona ndandingazinikelanga kweliphulo.
ULumko wandixelela ngomhlobo wakhe uMzu, owayengahlali nathi ngoko, owayelandela inkqubo yokulima enqgamene nendalo, wayecinga ukuba angasinceda ngesisitiya, Ndandingenalwazi ngalenkqubo yokulima ngeloxesha. Ekuqaleni sasiliqela labathandathu ababesebenza esitiyeni. UMzu wayenolwazi olugabalala ngalenkqubo yokulima, ndabe ndichitha ixesha elininzi noMzu.
I-akile okanye ezimbini zalomhlaba sasilima kuwo wawunengca nehlathi phambi kokuba ibe sesi sitiya. Kwasetyenzwa kakhulu kulo mhlaba. Uhlobo lomhlaba kulendawo ludongwe nto leyo yenza kubenzima ukusebenza ngawo.
Elinye icala lalo mhlaba lungamatye, Isixhenxe sethu sathatha uxanduva lokucoca lomhlaba , ngenxeni yoba kwakungekho mali sasisebenzisa nantoni na ekufutshane siyenze into eluncedo. Sasebenzisa amatye ukwakha nokwahlukanisa isitiya nokwenza imigca yokunciphisa ukuphalala kwamanzi, nje ngoko umhlaba wawuthambekile.
Sasikhulisa imifuno kwindawana encinci eyayonele nje ukuba sitye thina. YayinguMzu owandifundisa ngezityalo ekuqaleni kwethu .Andingowalapha ngoko ke andizazi izityalo zomthonyama. Kwaye uMzu wayesoloko ethetha ngokubaluleka bokwazi izityalo zomthonyama ingakumbi xa ulima ukutya .
Ndaqala ndafunda ndabuza nemibuzo, "Ewe ke, yintoni ekhula kakuhle apha? Yintoni engakhula kakuhle entshona Koloni?’’. Ndandinxanelwe ulwazi ndifuna ukwazi kangangoko malunga nolimo olulandela indalo. UMzu waza kuhlala kwigumbi lamandwendwe okwethutyana njengoko wayeyibona inyoba yokukhulisa esisitiya .
Ihambo yemfundo nokuhlola
Sonke kweliqela lethu lesithandathu sasinomdla wokuya kwezizifundo emveni kokuva uhlobo abanomdla ngalo uMzu xa ebalisa ngalendlela yokulima elandela indalo (permaculture).
Ndawelwa ngumqa esandleni ngokwenyulwa ukuba ndihambe ndiyokwenza eziziifundo ziivunyiweyo zokulima ngendlela elandela indalo (permaculture course) eSEED.
Ndandinothakazelelo nomdla wezimfundiso nolwazi. Ndicinga ukuba yeyona nto eyenza ukuba ndonyulwe. Yayindim ndedwa ibhinqa kweliqela lesithandathu, kodwa andicingi ukuba yayisiso isizathu sokuba ndinyulwe ukuya kwenza olu qeqesho.
Uqeqesho lwandinika umbono obanzi malunga nempatho yendalo. Ayikho ngolimo kuphela, ikwamayelana nangenguqu zesimo sezulu. Indlela utshintsho lwemo yezulu oluyichaphazela ngayo indalo, nokuba oku kubaluleke njani xa ukhulisa ukutya kwakunye nononelelo lwendalo.
Ndavuya ukuba yinxalenye yezizifundo ziphangaleleyo zindibeka kwelinye inqanaba lolwazi. .a. Xeshikweni ndsaqeqeshwa kolulimo olulandela indalo, ndacinga izinto endazifunda esikolweni kwaye nokuba kutheni oluhlobo lolwazi lwalungeyo nxalenye yenkqubo yesikolo.
Emveni kokuqeqeshwa iveki ezintathu zonke, Ndandingekakulungeli ukushiya lendawo ngoba ndandiziva ndikhulile kakhulu kwaye ndisafuna ukwazi ngcono ngalenkqubo .
Ukufunda ngendalo kwindalo yona Buqu
Ndajonga kwizifundo zoqeqesho zenyanga ezintandathu neSEED. Uqeqesho lwezandla yayiluqeqesho lokwenza lomsebenzi uwufundeleyo, mna ndabekwa kwintsmi yaseSEED. Ndaphinda ndaqeqeshelwa ulwazi oluphangaleleyo i kulimo ngendlela yendalo . Kuqeqesho lweveki ezintathu, safunda ngomcamango wendlela yokulima ngokwendalo okwethutyana, saza sathi kuqeqesho oluthe vetshe (Advanced Training ) safunda ukwakha nokuhombisa izitiya zethu. Kungeloxesha ke apho ndafunda ngqo kwindalo ubuqu.
Ndaqala ndaqwalasela izinto ezifana noba xa utyala ilavender umema inyosi, Inyosi zinceda ngosasazo lwembewu phakathi kwesitiya. Njengenxenye yoqeqesho ndenza imisebenzi ethile ngokuya kwintsimi ezahlukileyo ndiyokufunda izakhono ezahlukileyo. Ndachitha iveki ezimbini kwi Biodynamic Farm.[5] Apha ke, eyabo indlela ijolise ekujongeni ukuba izinto zonke zinobudlelwane nendalo. Oku ke kwandeza ndibe nemincili..
I-Biodynamics isebenza ngelanga nenyanga, iqhagamshelana nezingqi zazo ukukhulisa izityalo, ijonge ukuba kutyalwa nini, kuhlakulwa nini, kuvunwa nini nokuba kungakhuliswa luhlobo luni i lwezityalo. Kuquka nokwazi ukuba sityalo ngasinye sithatha sinike ntoni emhlabeni, ngoko isinike ulwazi lokuba sizitshintsha njani izityalo nokuba zeziphi izityalo esingazilima kunye. Umcamango webiodynamic farm ugxininisa kuqhagamishelwano lomoya phakathi komntu nendalo. Ndaziva ndiqhagamshelana nenkqubo yabo.
Wandifumana ngolohlobo ke umhlaba. Nangona unxulumano nomhlaba, phofu endandingalwazi ukuba ndinalo, lwatsala wonke umdla wobomi bam, uthando nentshisakalo endinayo kwimifanekiso bhanyabhanya nobugcisa nazo zisekhona azikafi. Kwaye ndisenawo umnqweno wokuphuhlisa intsebenzo kwiqonga noba ndenze kanjani.
Kuselukhulu ekumele ndikufunde
Nangona ixesha lam ne SEED lwaquka ukufunda malunga nolimo lwebiodynamic. Ndibona ingathi kuselukhulu ekusafuneka ndikufundile. Andiqhelenananga nemiba yenzululwazi yolimo lwebiodynamic umzekelo, usetyenziso lwekhristali kwinkqubo yovuselelo lomhlaba.

Ngenxa yomdla endananawo i ngenkqubo endayiqwalaselayo ngexesha ndandise biodynamic. Ndalinga nam lenkqubo yotyebiso mhlaba (soil enrichment) ebizwa ngoba yiBD 500[6], ndisakube ndibuyele kwisikhululo, ngaphandle kokwenza uphando. Inkqubo ithi uthatha uphondo lwenkomo ulifake isichumisi, wandule ukuligqumelela phantsi komhlaba uphinde ke nge xesha elililo ulikhuphe phantsi komhlaba uphondo.
Ngamini ithile ndaziva ndinxunguphele, umzimba, ingqondo no moya wam zindixelela ukuba kukho ekufuneka ndikwenzile. Andazi uba kwakutheni ngale mini kodwa ndasuka nje ndayokomba uphondo. Ndaziva ndinomnyinyiva kakhulu emveni koba ndilombile olo phondo.
Inomdla injalo ibiodynamic futhi ikwanzulu. Kufuneka ndinikele ingqondo yam yonke xa ndifuna ukufunda ngayo. Futhi andiphindi ndenze izinto ngaphandle kokuthi ndifune ulwazi oluphangaleleyo ngayo phambi kokuba ndiyenze. Ngenxeni yokuba kufuneka ndibe nentsukaphi yolwazi ukuze ndikwazi ukuqonda ukuba kutheni iznto ezithile zisenzeka.
Izityalo nazo zinomphakathi
Emveni kwexesha endalichitha eSEED, Ndiqale ndajonga iinkqubo ezahlukileyo ngaphandle kwe permaculture, umzekelo, ihorticulture. Ndandikhangela kwimigaqo yokukhulisa ukutya, ekufumaniseni ukuba yonke into imayelana nempatho yendalo, ukukhathalela umhlaba, nokufuna ukulinganisa izingqi zendalo.
Njengoko benditshilo ngaphambili, mna kwakunye nesihlanu seqela, besilandela imigaqo yolimo noyilo lwendalo esitiyeni. Siqale isitiya ngokwentshukumo zelanga , ngoba xa sityala sizithathela ingqalelo izinto ezinjalo.
Kungelixesha kanye apho ndaqala ndanomdla kwizinto ezifana nokutyala ngobuhlobo, kwakunye nendlela izinto ezisebenzisana ngayo.[7] Izityalo nazo zihlala kumphakathi wazo kwaye zinabalingane bazo. Xa sithetha ngokulima ngoluhlobo, umzekelo, xa ulima ivatala, elisebenza njesambathiso kumhlaba, ngoko ke ungalima amazimba. Amazimba anceda ivatala ikhule ngokuthi izijijele apha kuyo.
Ndicinga ukuba abantu kufuneka bafunde kwizityalo. Kufuneka sisebenzisane kunokuba sikhuphisane, ukuze sikwazi ukufumana indlela yemvisiswano noxolo phakathi kwethu. Ithethe ukuthi ndifundile nakwizilwanyana. Ndifunde umdaniso wenkukhu. Ndiyahlala ndibukele inkukhu zisenza into yazo. Zezo zinto zincinane ezisikhuthazayo zisifundise.
Okona ndiye ndyiqonda indalo kokona ndiye ndiziqonda nam
Ezizifundo ngendalo nezityalo zibe lulutho kum, bezingekho nge permaculture nangolimo nje kuphela kodwa nangenzuzo besimo yesiqu sam. Ndifunde indlela yokujonga indalo nobomi ngokwahlukileyo.
Ndifumene impiliso koluhambo, ngokwasenyameni nasemoyeni. Ngokwesanyameni ndifunde ngendlela izityalo ezinganyanga izifo ezithile. Ndifunde ukuba ungazinyanga ungayanga nokuya kwa gqirha. Ukusukela oko ndaqala ukuhlala apha nokuzazi izityalo, andikayi kwaGqirha kuba izityalo ngugqirha wam ngoku. Ndifunde ngolohlobo ukwazi ukuba ukutya kuliyeza lakho nako. Yonke leminyaka ndandingazi ukubaluleka kokutya.
Ndisakhumbula ndinesigulo, endicinga ndasifumana xa ndandisebenzisa indlu yangasese kawonke wonke eyayimdaka. Ndandinencwadi eyayimalunga nezityalo ezilunyango egumbini lam endandiyinikwe ngumhlobo wam ngaphambili kodwa ndingekalifumani ithuba lokuyifunda. Andilazi igama lencwadi, yayincwadi endala ingasenalo neqweqwe. Kuba ndandigula, ndibambeke ebhedini ndandifunda nje ndihambisa ixesha, kulapho ndabona khona into eyayichaza nge mpawu yokugula okwakundiphethe. Emveni kokufunda elocandelo ndandiqinisekile ukuba siso kanye isigulo endinaso. Incwadi yayicebisa ukuba nditye icelery eninzi kwakunye neparsley zasesitiyeni.
Loo ncwadi yayingummangaliso ngoba ngokusuku nje olulodwa ndandiphilile. Mhlawumbi ndaya ngamandla ndazitya ukudlulisa iingcambu kodwa zasebenza. Ngosuku olulandelayo ndavuka ndingumqabaqaba igqabi levinika. Ndaqonda ukuba ndifuna ukuphonononga nje izinto ezimbalwa.
Ukuba nolwazi ngezendalo kundincede ndafumana inzolo emoyeni. Zonke izinto endandizinqwenela ukuzenza kodwa andakwazi , ezinje ngoba ngumdlali wase qongeni zazindinxunguphalisa. Kodwa uxolo lwasesitiyeni lwalundinyanga. Ndicinga ukuba sandikhulisela nesazela sam. Ngokuye ndisazi indalo kokona ndiya ndizazi, ubom bam, ubudlelwane nabanye. Ndiphinde ndafumanisa ukundweba bobuntwana bam.
Ukwazi indlela umntwana azakuyihamba
Xa kufikwa kwizityalo, kulimo, nendalo ndihlala ndijonge ukufunda ebantwini ingakumbi kubantu abadala. Bendisoloko ndikhangela ithuba lokubuza uakhulu wam imibuzo mayela nokuba uyikhulisa njani imifuno nepesika. Ndijonge ingathi Eyomga 2018 iyakuba lelona thuba lilungileyo ukumbuza lemibuzo kuba sizakube sibhiyozela iminyaka eyi80 wazalwa. Simaxhaphetsu sicwangcisela lo mbhiyozo, into ethetha ukuthi zonke izizalwane zam zizakube ziselalini. Futhi izakube ilithuba lokufunda banzi malunga nezityalo ezininzi esasiqhele ukuzitya ngaphambili endingasawakhumbuliyo namagama azo. Ndinemincili kakhulu kuba nditsha zintambo ndifuna ukuva ukuba umakhulu uzakuthetha athini ngalento ndiyenzayo ngoku. Ndiva kuthiwa wayethukile kakhulu esakuva.
Ukusweleka kukatatomkhulu wam, washiyela bonke abazukulwane bakhe imali ngaphandle kwam. Mna wandishiyela ihekthare yonke yomhlaba. Ndikhumbula ndizibuza ukuba inoba kutheni ekhethe mna. Wonke umntu wayefumene imali. Kutheni ndingafumananga imali mna? Ndizakwenza ntoni ngomhlaba? Yayingenzi ngqiqo ngoko, kodwa ngoku iyayenza.
Ndisazibuza ukuba yintoni le o abayiqwalaselayo ngam ekukhuleni kwam . Kwa igama lam,
lithetha “umhlaba onesivuno esininzi”. Ndisoloko ndizibuza ukuba ingaba abantu abadala bayibona njani indlela yobom umntana azakuyihamba? Ngelinye ixesha ndicinga ukuba banamehlo omoya abona ngapha kobu bomi sibuphilayo.
Kuba ngoku sendizenzile ezinkqubo zepermculture, sendiqale ukungena nzulu kubuqu bam ndizifuna. Ndicinga ngentsingiselo yegama lam, nokuba lontsingiselo ithetha ukuthini kwindlela yobomi bam. Ndihlala ndiqhagamshelisana amachokoza ezolo nawangoku ngobomi bam.
Udaba olungekho lula: Ukuxuthelwa umhlaba ukuxuthelwa uBuzwe bethu, , nobuKrestu
Ndiyazi umzabalazo ngomhlaba ubusoloko ungumba otshisa ibunzi ngasekhaya eKomani. Enye yemiba ejongwe yi Surplus People Project(SPP)[8] unento nokwenza ngomthetho wase Genadendal ka 1986 othetha ngesivumelwano sobuyiso mhlaba phakathi kwesebe Lomhlaba [ngaphambili eyabizwa ngokuba liSebe loPhuhliso lwasemaPhandleni noPhuhliso loMhlaba[9]] neCawe yase Moravia.
Icawe bekufanele ixhase ubuyiselo mhlaba kwizikhululo zemishini zazo, kodwa oku akukwenzeki. EKomani apho umama wam azalwa khona yayikwalelidabi lemihlaba ekufanele ibuyiswe zicawe.. Abantu babehlala kwimi hlaba emincinane ekubeni icawe zinomhlaba omkhulu. Ngokolwazi endinalo ngoku lonto indenza ndizibuze ukuba inoba kwenzeka ntoni kwaye kutheni lomba wokoxuthwa komhlaba ungeka lungiswa.
Ukuziumana ngesiqu sam kwanqgamana nokufumana imbali yentsukaphi nenkcubeko yam. Yayintoni intsusa yokuzingca nokubhiyoza phakathi kwabantu bam eMpuma Koloni. Ukwazi zonke ezizinto kwavela kwabaluleka kum.
Ndikhule ndisiva umama ebalisa ngomhlaba owathathwa ngamaJeremani nokuba icawa iMonrivia yayilawula njani ingingqi nabantu. Ndandingayithatheli ngqalelo le nyewe. Kungona ndiqala ndiyiqonda intsingiselo yayo lento. Ndaqala ndaphanda ngeeCawa negalelo lazo ukuthatha ubuzwe bethu nesidima . Ndafumanisa ukuba ukulahlekelwa ngumhlaba kwakungekho sezandleni zikarhulumente wobandlululo nje kuphela koko kwakukwa phembelelwa yinkolo yabamhlophe yobu Krestu.
Yayingeyonto elula ukuthetha ngayo ekhaya ngoba uTamkhulu wayengumfundisi kwiCawa yase Monrovia. Umama wam ngumfundisi wekhola emhlophe. Kwaye ikhaya lonke ngamaKrestu anzulu. Umama wam ufundele ubugqwetha kodwa kunyaka wakhe wokusebenza wagqiba kwelokuba ayo kufundela iTheology apho afumene khona infundo enomsila.. Ngoko ke kubalulekile ukuba nezingxoxo.
Iingxoxo ezinzima
Nangona umama wayenguMfundisi kulacawa,kodwa imbali yokufika kwayo i nendlela eyathi yafumana ngayo umhlaba apha ekuhlaleni ayifanelekanga. Kufuneka siyithethe phandle ukuba sichasene nalento. Kusenzima kubazali bethu ukuluqonda uhlobo olucinga ngayo ulutsha nentshisakalo yalo yokuphikisa ezi zinto. Ndicinga ukuba sikwixesha ngoku apho ulutsha oluninzi luqonda ixabiso nembali yomhlaba wethu. Kwaye i lubonakalisa umdla ekubuyekezweni komhlaba nokulima ukutya.
Kungenxa z yezizizathu, endicinga ukuba abantu abadala basingababandakanyi kwezi ngxoxo. Kunzima kubo ukutshintsha ingqondo ngoba becinga yeyona nto elungileyo ukuphila ngoluhlobo. Kwelinye icala ndiphinde ndicinge ukuba kumele sisebenzisane nabo kulomzabalazo womhlaba banolwazi olubalulekileyo ngembali.
Mna ndineyam imicelimngeni nomama wam. Ndinenjongo ngobam ubomi. Umama uphila obakhe ubomi nam kufuneka ndiziphile kwaye ndithathe izigqibo ezikholisa mna .
Lonto ayithethi ukuthi andimthandi okanye andimhloniphi umama wam. Kuthiwa igazi liqoshololo kunamanzi. Ngumama wam ndimthanda kakhulu , kodwa ndiyazi ukuba kukho ingxoxo ezithile ezingadala ungquzulwano. Andikwazi ukumenza ayiqonde ukuba sisuka phi. Ngamanye amaxesha sikhe sincokole kodwa kuthi xa kuqala ukufudumala, ndisuke ndiyiyeke incoko.
Ubomi basedolophini
Umama wam wazalelwa ezilalini wakhula esitya ukutya okuphuma emasimini. Kodwa kuba wayefuna ubomi obahlukileyo, wafudukela edolophini eyokufuna umsebenzi nokuyokufunda. Kungoko ke ndazalelwa ndaze ndakhulela ezidolophini.
Ndiyamthanda umama wam kwaye andimgxeki nganto. Kodwa kuyinyaniso emsulwa ukuba akazange andifundise ngokubaluleka komhlaba.Akazange walima kwaye zange awuthathele ingqalelo ukubaluleka kokulima .
Ukuthenga izinto ezifana neswekile kulungile kuye. Kulapho iyantlukwano nesizukulwana esilandelayo yenzeka khona. Kulapho unxulumano phakathi komhlaba ,ukutya nempilo kuphele khona. Andimgxeki kodwa, ngoba yintlalo yobom basezidolophini.
Le yeyona nto isenzakayo kubantu abaninzi base Mpuma Koloni. Abantu bahlala befudukela ezidolophini beyofuna imisebenzi, luqhawuke kanjalo ke uqhagamishelwano. Umama wayedla ngokuhleka xa umakhulu ebalisa indlela ababephila ngayo besengabantwana .Wayedla ngokuqhayisa ngendlela aweyonalwazi ngalo ngomhlaba. Wayebonakala ezingca kakhulu ngokukhulela kwakhe ezilalini kodwa hayi ngokwaneleyo ukuba aqhubeke ebuphila ubomi belali.
Ukuzimela kwimveliso yokutya kuthetha ukuba lawula
Kum ukuzimela ngemveliso yokutya kuthetha ukuba ubenolwazi lokuzilawula, ingakumbi ulawulo lwembewu. Kukho umthetho oyilwayo ofuna ukubhangisa oko, mna ndichasene nawo, awuzokusebenza.[10]
Ukuzimela kwimveliso yokutya kukuba abantu ekuhlaleni babe nolawulo kuhlobo ukutya okuveliswa ngalo balime izitiya nezityalo zabo , kuba yeyona nto ibalulekileyo ekufuneka sigxininise kuyo leyo. Sinentsimi ezininzi zorhwebo nezilima isivuno esinye, bathi zondla uMzantsi Afrika wonke, kodwa njani? Kwenzeka njani ukuba kube kusekho indlala kodwa kukho zonke ezintsimi ezifanele ukusondla sonke.
Bekungenakubangcono ukuba abantu bebezikhulisela ukutya, umzekelo, iimalike zasekuhlaleni zithengise imveliso evela apha ekuhlaleni? Sikhulisa ukutya kwezindawo sikuzo, sikhulisa ukutya komthonyama ,, ukutya okuchumayo kwiingingqi esikuzo.
Ukuzimela kwimveliso yokutya kuthetha ukuba nolawulo nokuveza ngokulingeneyo. Iqela lethu elilima apha sonke sineminye imisebenzi esiyenza ngaphandle kokulima. Asinakwazi ukuphila ngokupheleleyo ngomhlaba kuphela. Kodwa sinesiqiniekiso sokutya okunesondlo okuphilisayo esingazokukhupha mali yokuthenga ukutya..
Azange ndicinge ukuba ndingaze ndibenomhlaba esizithathele wona
Ukumka kwam ekhaya ndifudukela eKapa, andizange ndayicinga into yokuba ndingaphela sendinomhlaba ongowam. Ndicinga ukuba abantu bacinga ukuba ukuthatha umhlaba kuquka ubundlobongela, kodwa akusoloko kuyinyaniso oko. Ndifikile apha ndazenzela ikhaya.
Ngoku ndinegumbi lam, kuba uninzi lwabantu ebebehlala apha ekufikeni kwethu selebemkile. Sonke esisithandathu seqela elilimayo sinamagumbi alo, umntu ngamnye. Ndandikufutshane ekungabinakhaya ukufika kwam kule fama. Kodwa ndiselapha emva kweminyaka emihlanu, ndinophahla phezu kwentloko yam futhi ndiyakwazi nokuzondla ngokukhulisa ukutya kulo mhlaba.
Ukuza kuhlala kwam kulefama ngo2013, Indoda ethile eyayisuka kwicandelo kwiSebe Lemisebenzi Yoluntu yafika apha yathi asinalungelo lokuba kulomhlaba. Kulapho ndaqala khona ukuqonda ukuba ndihleli apha ngaphandle kolwazi lwembali yomhlaba, Kulapho ke ndaqala ndanomdla wokwazi ukuba kwenzeka ntoni, kwaye waqala njani uAndre ukuhlala apha.
Andiyazi ukuba kutheni singena kuhlala apha, kuba sisikhululo esingasahoyekanga nesingasetyenziswayo. Akho monakalo siwenzayo apha, senza into elungileyo, sakha umphakathi sikwalima nokutya okuyimpilo. Inxalenye yengxaki kukuba ebumelanweni nathi yingingqi yabebala abazizityebi, kwaye uninzi lwabo alusifuni apha.
Asisoyiki kakhulu ngoku
Ngokuqinisekeleyo siye sihlangabezene nemicelimngeni emininzi kwimizamo yokuzimela kwimveliso yokutya. Noxa sinemveliso ebonakalayo kwisitiya sethu, ayonelanga ukusiphilisa sonke siliqela. Uthi ke ngoku xa usongeza ngezoyikiso zokugxothwa izinto zibe nzima.
Ukuqala ukuza kuhlala kwam apha ngo 2013, sasisoloko sihleli sinoloyiko ngenxa yezoyikiso kuquka nezoyikiso zokugxothwa. Kuba sasingenabantu bomthetho abasincedayo nabasixhasayo ngoko. Izoyikiso zokuba sizakugxothwa ezazithe gqolo ekugqibeleni zasityhafisa zasenza salunikela umva ulimo. Sasinexhala loba singasebenzisa amandla ethu ze siphinde sigxothwe kulo mhlaba.
Kodwa ngoku sisebenza negqwetha elingasibhatalisiyo, ogqibe ekubeni alithathe elityala asincede ukulwa ukugxothwa. Waqala ukuva ngathi mhla intombi yakhe uAshraf nabahlobo bayo babetyelele apha ngethuba sasinephulo lwamabhinqa elibizwa ngokuba yi ‘’The Goddess Garden’’. Yayiliphulo elaliqalwe ngomnye wabahlali balapha. Yayikukuvuselela umdla wobubhinqa ngenjongo yokwakha umphakathi. Yayiqhele ukwenzeka nyanga zonke kodwa sele yayeka ngoku.
U-Ashraf wabona esasikwenza ngesitiya ngeloxesha le Goddess garden waze wamema utata wakhe akuba atyelele ifama. Wabanomdla kwinto esiyenzayo apha nembono yethu waze wagqiba ekubeni asixhase. Nguye ke ophendula kwizaziso zokugxothwa kwethu apha , asicebise ngokufuneka sikwenze. Ukuba nenkxaso yegqwetha kusinike ukuzithemba kwaye asisoyiki kakhulu ngoku.
Ukuququzela intlangano zeentshukumo

Ngexesha endandisebenza ngalo apha ndilima ukutya neqela lam, Sadibana nomfazi ogama lingu Zayaan owayesuka kwiSlow Food Network[11], kwiminyaka emithathu edlulileyo. UZayaan wayephethe ekwaqhuba iSlow Food apha eKapa, nje ngenxalenye yomsebenzi wakhe wayeqokelela ulutsha olwenza ezibukwayo ngomhlaba kwakunye nokutya. Wayenceda ngokuququzelela indawo neziganeko apho singabhiyoza sisonke. Ndaqala ndayinxalenye yeSlow Food ndaze ndaqala ndaququzelela imicimbi nabantu kwindawo ezahlukileyo kulengingqi, kuquka ne Khayelitsha[12].
Kulapho kwiSlow Food apho ndafumanisa iSurplus People Project kananjalo nayo yandifumana kanjalo ke iSPP. Ngenxa ye Slow Food ndanxulumana nomnye umbutho ekuthiwa yiEnviromental Youth Justice Internship eyayiqhutywa yiEnviromental Monitoring Group[13] eyayinxenye neSPP. Ngethuba lalenkqubo kulapho ndatyhileka khona ukuba asikuko kutyala imbewu kuphela emhlabeni koko nokufamana lo mbewu kubalulekile.
Ndandisoloko ndicinga ukuba ukutya kukutya nje qhaKodwa ngoku ndibona ngokwahlukileyo kakhulu.. Kungoko ke ndaqala ukufumana uqeqesho kwimpatho yendalo (Ecological management). Kufanele ukuba yinto ebalulekileyo nemayaziwe luluntu. Ukuba le nkqubo yokulima isivuno esinye (Monoculture) izakutshabalalisa umhlaba ongaphezulu, kutheni sisasebenzisa lendlela, kwaye kutheni sisasebenzisa ezizitshabalalisi zityalo i (Pesticides & Herbicides)()? Ndaqala ndazibuza lemibuzo, kulapho ndaqala khona ukuzibandakanya kwintshukumo ezingqonge ukuzimela kwemveliso yokutya.Ndizibandakanye namaphulo okuzimela kwemveliso yokutya ne SPP, kwakunye nomnye umbutho okuthiwa yiAlliance for Food Sovereignty in Africa.[14]
Ukuqhubekisa phambili isitiya
Ngenxa i yokuba kungekho mhlaba woneleyo wokusigcina siphila, isithandathu sethu saqala safuna imisebenzi okwabangela ukuba kubekho amathuba okunikela isitiya umva. Sazama ukusivuselela ngokesebenzisa amavolontiya aze azo kulima .Nangona ndisebenza ngaphandle kweSitiya kodwa ndihlala ndilapha ngecawa zonke , ndityala.
Isitiya ngoku sinezityalo ezitsha, ngenxa yokuba igadi yethu ibe iziqhuba ngokunokwayo. Ukusukela kwispinatshi esasilima kwiminyaka emithathu edlulileyo, umzekelo, imbewu iyawa iqhubeke ngokukhulisa ispinatshi esitsha. Kuyamangaza oku kuba izenzela konke oku ngokunokwayo ngaphandle koncedo lomntu. Esendikwenza ngoku kukomba, ndihlukanise , ndiphinde ndityale kwindawo eyakhukileyo .
Ngoku sineSpinatshi, Beetroot , kwakunye nezo zihlala zikhona ezifana nesage, rosemary, nefennel ezikhulayo esitiyeni. Apha efama sinorhwebo oluvula kwimpela veki yokuqala enyangeni. Abantu baza kolurhwebo ukuthengisa impahla, umsebenzi wezandla, ukutya, neziselo ezenziwe ngencindi yeziqhamo esikhuliswe ngendlela yendalo. Kubamnandi, siyisebenzisela ukuthengisa isivuno sethu esisuka esitiyeni sithengisa ngqo kubantu okanye kwabo abenza ukutya neziselo ngenjongo yokuthengisa. Urhwebo lusincedile ukwenza imali yokugcina isitiya siphila ngokuthi sikwazi ukuthenga imbewu, umzekelo.
Ngenzuzo ebuya ekuthengiseni nakwimali esiyenze ngokucela amalizo kwizihlwele (crowd funding) sakwazi nokuthenga izixhobo zokunkcekceshela ngofafazo. Ingxaki esesinayo yeyokuba ezi zifafazi zokunkcenkceshela aziloncedo ngokupheleleyo zenza isitiya sonke sibemanzi ntoleyo iluxanduva ngenxa yengxaki yokunqongophala kwamanzi eKapa.
Eyona nto esiyidingayo ngokwenyani yinkqubo yokunckenckeshela ngamachaphaza (Drip Irrigation System) kuba iyanceda ngokonga amanzi ngokuthi ifikise amanzi apho afuneka khona kuphela. Ndicinga ukuba ikho indawo enobuvila apha kum kuba ndiyakwazi ukuyenza le nkqubo yokunckenckeshela ngamachaphaza (drip sysytem) ngokwam. Kodwa ingxaki kukuba ithatha ixesha ukuyakha, xesha elo ebendingenalo kwade kwangu 2017, ngoba ndandibandakanyeka nje ngomqeqeshwa e-SPP. Ngaphezulu ndikwasebenza nezitiya zezikolo kwakunye nezinye inkqubo zolutsha ndisenza imali yokuphila.
Eyona nto ingumnqa kukuba nangona sonke sisebenza ngaphandle kwezitiya zethu abanye bethu benza kwa lomsebenzi ufanayo. Ndisabandanyeka ngokwentsebenzo kwi Slow Food kwaye iSPP yinxalenye yeSlow Food. Oku kwandivumela ukuba ndikwazi kwakunye nesithandathu seqela ukuba sifumane kwaye sabelane ngembewu. Kungekudala bendihlwayela imbotyi ezibuya eSpain ebezize no Mzu ezifumene kwinkomfa kazwelonke ibise Le Via Campesina VII[15]. Ndiye ndahlwayela ezombotyi, kwakunye namazimba, ne ertyisi ebendinazo, nto leyo emnandi kuba zizityalo ezikwazi ukukhula kakuhle ndawonye.
Indawo yokuthatha ikhefu uphumle
Xa sasiqala ukusebenza eminye imisebenzi yethu siyeka ukusebenza esitiyeni, abantu ekuhlaleni babekhathazekile kuba le yayiyindawo abebekwazi ukuphumla baphefumle kuyo . Abanye abantu bahlala kwiflat kwaye abanadawo yaneleyo phandle. Abanye babo le yayiyindawo yohlobo lokuzinyanga.
Abantu babesiza bazokudlala nabantwana babo, ngolohlobo ke abantwana babekwazi ukufunda ngokutya kwakunye nezolimo. Sakhe samema iqela labantwana abayi40, ndaza ndababuza ukuba ‘’basifumana phi isipinatshi’’? Impendulo endayifumanayo yeyokuba eShoprite nase Checkers[16], ndathi xa ndiqulunqa lempendulo nomye wabazali wacacisa esithi kaloku abantwana akhondlela yimbi abayaziyo ngaphandle kwaleyo yokuthenga.
Ndinqwenela ukuba bekunamathuba amaninzi apho abantu bangabelana ngolwazi nembono zokukwazi ukuziphilisa ngokuno kwabo. Ndinomnqweno wokuba ubomi babantu bebuthembele kwezindawo bakuzo, ukuze bakwazi ukuba babenalo kokwenzeka kubomi babo nakukutya abakutyayo. Isikhululo sokhuselo ekungoku nje sinentsapho eziphakathi kwi 10 - 15 yamakhaya ahlala kuyo, inempilo. Abantu bayaphila apha kwaye bayalima.
Imvisiswano nobudlelwane nezendalo ezahlukeneyo
Kufanele ukuba kube nje kwilali enobudlelwane nendalo, Kumele ibe yilali apho abantu banengqalelo yendalo nako konke ekubangqongileyo. Kumele ibe yindawo apho kulondolozwa abanako kwaye kwakhiwa iintlobo ntlobo ezahlukeneyo zendalo kungaphelelwa kwizityalo kuphela kodwa nasebantwini-lo mba ubalulekile. Xa ungawubona lo mphakathi ungafunga ukuba siyilali yoMnyama, apho kukho iintlanga ezahlukeneyo, abamnyama, amakhaladi nabelungu. Asijongi mbala okanye sikuhlaze ngenxa yobuntu bakho. Ingentliziyo lento, nokuba uyafuna na ukusebenza nomphakathi ukwakha imvano kuyantlukwano.
Into ebalulekileyo kwilali enobudlelwane nendalo kukuba nemvisiwano nobudlelwane nayo yonke into nokuba inomahluko Xa ujonga isitiya nabahlali apha uyabonakala umahluko esiwakhileyo kulendawo ebudeni beminyaka kwintyatyambo, imithi, imifuno, amagqabi, amayeza. Uyazibona izinambuzane ezizindwendwe ezinjengenyosi izinambuzane ezikhanyayo ebusku (fireflies). Ndandiqhele ukubona ifireflies ezilalini ndisengumntwana kodwa ezidolophini ezinkulu ezigcwele umbane ,ungcoliseko awungeke uzibone kodwa esi sitiya sakwazi ukuzibuyisa. Kuyamangalisa ukuzibona apha esitiyeni kwidolophu enkulu nje ngeKapa.
Umnqweno wam ngowokuba zineninzi iindawo ezifana nale lali, ezinobudlelwane nendalo apho abantu bakwaziyo ukuziphilisa ngokunokwabo badale nendawo enokwakwamkela nabanye abantu bomphakathu ngokubanzi. Ayinguye wonke ubani unomdla wokuba ngumlimi, Kodwa kwabo banomdla kufuneka bafumane amathuba imihlaba nendwawo abanokunda khona..
Ufuna ukuba sisisombululo okanye ingxaki?
Ndinqwenela ukuba abantu behlabathi ukuba bangaqonda ukuba thina bantu sikwinkcochoyi yekhonco lokudla. Indalo iyasikhathalela, Ukuba thina asizukuyikhathalela indalo, ngubani ozakusikhathalela? Kumele siqonde ukuba singabantu kubalulekile ukuba sizazi apho sikhoyo, nokuba senzani ngokusingqongileyo. Kumele sizazi ukuba sindawoni kwikhonco lokudla nokuba senzani ukulondoloza indalo.
Ingaba ufuna ukuba yingxaki okanye isisombululo? Luxanduva lomntu wonke ukucinga ngalo mbuzo. Besinalengxaki yembalela apha i eKapa, ngoku ingumba omkhulu. Ndinomdla wendlela zokonga amanzi nokukhongozela amanzi emvula. Imilambo iphethwe ngabantu bangasese. Siyazi ukuba imithombo nayo iphethwe ngabantu bangasese nto leyo yenza kubenzima ukufikelela amanzi endalo simahla. Umzabalazo ume ngenyawo.
Uludwe lwezinto endizinqwenelela umphakathi wam ziquka ukuba nomhlaba ngokusesikweni sikwazi ukuqhubekeka ngalento siyenzayo. Sifuna ukhuseleko lomhlaba sizokwazi ukwandisa oku sikuqalileyo siqhubeke ukwakhana. .
Le hambo kum ingokuqonda ukuba singaqhubeka njani ukuphila kunye ngemvisiswano.
( Amalungelo wabo bananiselana ngezityalo) and the Plant Improvement Bill (B8B-2015) (Amalungelo abo baphucula izityalo), yomibini lemithetho ikhona kodwa ikhusela ikampani ezinkulu ize ingawaboneli nto amalungelo ekampani ezincinci ezimele abantu bemveli kunye nabalimi abancinane ababelana ngezityalo.Lemithetho iyaxoxwa kwaye amaqela nemibutho alwela malalungelo abantu nabalimi abasakhasayo bayayixoxa.
- Amasimi i :Umhlaba omkhulu apho kulinwe khona izivuno ezininzi
- Observatory sisixeko esiseKapa,eMzantsi Afrika esikumda ophakathi kwe Mowbray eseNtshona kunye ne Salt river eseMantla. Ubukhulu bayo le Observatory ilingana ne 3.1 square kilometres.
- Mitchells Plain sisixeko ekuhlala isininzi sabantu bebala,sikumgama ongama i 32 kilometres ukusuka kwidolophu yaseKapa. Sesinye sezixeko ezikhulu apha eMzantsi Afrika..
- IPublic bBenefit oOrganisation: Ngumbutho wabantu ongenanto yakwenza no Rhulumente, iSEED ifaka isandla ivuselela ulutsha oluhlala kwisixeko sase Kapa ,ulutsha olubonakalisa ukuba lufuna ukuziphuhlisa kodwa lungayazi ukuba lungathini,SEED uyalixhobisa lolulutsha alunxulumanise nezakhono zemisebenzi ejongene nezendalo nesimo sotshintsho .
- Biodynamic: Luhlobo lokulima olungohlukanga kuyaphi ekulimeni usebenzisa umgquba kunye nezinto zendalo ,kodwa lona ludibanisa nezinye izinto ezithathwe kwingcinga nohlobo luka Rudolf Steiner.
- BD500:: Oluhlobo lokuvundisa kufuneka usebenzise umqguba wenkomo enethole encancisayo,uwufake ephondweni,wombe umngxuma apho uzakuwufaka khona ,kufuneka ke ibe iyinyanga okanye ixesha loKwindla xa inyanga isithela, ulikhuphe eNtlakohlaza. Le yindlela enamandla yokuchumisa nokuvundisa umhlaba uvelise okutyebileyo ngohlobo lwendalo.Le BD500 incedisa umhlaba ukuba ukuveza amayeza okukhusela nokuvundisa umhlaba uchume.
- Companion planting : Ukutyala izityalo ezahlukeneyo zibekwindawo ezisondeleneyo isizathu kukuba zabelane ngohlaza kwaye zilwe nezibulali zityalo,lonto ke iye yenze isivuno nezityalo zikhule ngcono.
- Surplus People’s Project(SPP) yaqala ngo 1980 : Incedisana nabahlali ukulwa ingcinezelo yokususwa kwabantu kwinndawo abahlala kuzo ngobundlobongela nangenkani ngu Rhulumente wengcinezelo. Lo msebenzi we SPP uye wabhalwa kwimiqulu emihlanu. SPP iye yatshintsha ukusebenza kwayo ngaphaya ko 1994 yaze yagxininisa ukuncedisana nabahlali ukuguqula isimo somhlaba,uhlobo osetyenziswa ngalwo ukukhulisa ukutya,ulwabiwo nokubuyiselwa kwemihlaba yabantu ibe sezandleni zabo bazilimele oko kufunekayo emihlabeni yabo.SPP izinxulumanisa neminye imibutho elwela amalungelo abantu.
- 9Isebe Lophuhliso Lwamaphandle Nohlengahlengiso Lomhlaba: Eli lisebe likaRhulumente elijongene nophuhliso emaphandleni,lihlahle indlela,lidibanise kwaye liqale amaphulo okuphucula liphuhlise nguqu ezilalini kunye nokuhlengahlengisa umhlaba.
- ImiThetho emibini esayilwano ePalamente yoMzantsi Afrika.. The Plant Breeders’ Rights Bill (B11B-2015)
- “Slow Food ngumbutho wezizwe wabahlali owaqalwa ngo 1989 t ukukhusella ukuphulukana nokulahleka kwezithethe nasiko okutya kwantu ekuhlaleni, ithintela izinga lobomi obungxileyo kwaye izama ukunyusa izinga umdla ebantwini lokutya abakutyayo,apho kusuka khona nokubenza bacinge nzulu ngoktya abakukhethayo nelizwe labo..” Ngolwazi oluphangaleleyo yiya:: https://www.slowfood.com/about-us/ (accessed January 12, 2019).
- Khayelitsha sisxeko esinogbithyolo apha eKapa,eMzantsi Afrika,sikwindawo ebizwa ngokuba zi Cape Flats kwidolophu yesixeko saseKapa in the city of Cape Town.E Kubangwa ngokuba yeyona lokishi inkulu nekhula ngokukhawuleza apha eMzantsi Afrika.
- The Environmental Monitoring Group ngumbutho ozimeleyo ongenzi mali okwidolophu yase KapaiLo mbutho usebenzela ukuxhobisa amaqela azimeleyo kunye nalawo asekuhlaleni ukuba athabathe inxaxheba ekuqulunqeni imigaqo nezigqibo ezibachaphazelayo abantu kunye nendalo.Ukwenza oku nge programmes . Ikwenza oku isebenza kwi simo sokutshintsha kwendalo, ukujongana nezamanzi,uphuhliso ezilalini kunye nokuthengisa okuhlonipha amalungelo.
- “Lendibano ye Food Sovereignty aphaeAfrica libakala lama Afrika elimele abalimi abancinci,abafuyi,abazingeli,abantu bomthonyama,I abahlali kunye nabameli bendalo base Afrika abasebenzisa izakhono nezimvo zabo ukuguqula besilwela amalungelo abahlali,abalimi basemakhaya,ukuphkanyiswa nokuhlonitshwa kolwazi lwemveli nemithombo yokugcina ololwazi lwemveli,indalo kunye kouphthwa ngendlela ezendalo.Ngolwazi.oluphangaleleyo yiya : https://africanbiodiversity.org/alliance-for-food-sovereignty-in-africa-afsa/ (accessed January 12, 2019).
- La Vía Campesina yinltanganisela yezizwe eyaqulunqwa ngabalimi abancinane ngo 1993 abasuka eEurope, Latin America, Asia, North America, Central America, and Africa. Eligama lithi “inkululeko yokutya” laqulunqwa ngulumbutho..”
- Shoprite and Checkers zivenkile ezinkulu ezilikhonco apha eMzantsi Afrika.