Nontobeko Javu

Nontobeko Javu

Iminyaka yengcali: 63

Keiskammahoek, South Africa

Umama uNontobeko – okanye u’’MaJey’’ njengoba ebizwa ekuhlaleni, wasamkela kwakhe ngoncumo nothando. Uhlala yedwa kwindlunyana encinci eluhlaza eyakhiwe phantsi nje kwenduli. Uhlala nehagu elala ecaleni komnyango wendlu yakhe. Xa ungena nje esangweni lomzi wakhe kukho isitiya esibiyelwe ngocingo ekhohlo ze indlu yona ibe ngakwisandla sasekunene. Ngaphezu kwesango lucingo oluhlabayo nto leyo inyanzelisa ukuba ugobe ukuze ungene kakuhle ngokukhuselekileyo. Asiwuqaphelanga thina lomgibe wezigila-mkhuba sangena sime nkqo, ndatsho ngomkrwelo nje omncinci apha ebunzi. Waxolisa ngokungazenzisiyo umam’uNontobeko kucaca ukuba imkhathazile lento. Sizoqaphela kamva ukuba ukwanolomgibe xa ungena esangweni legadi yakhe nto leyo ethande ukuba sisiqhelo kwimizi emininzi kwiilali zase Mpuma- Koloni. Umam’ uNontobeko ominyaka ingamashumi asithandathu nantathu (63) yinzalelwane yalapha kuQoboqobo (Keiskammahoek)[1] kwaye ekhulela khona, kwilali ekuthiwa kuseNdlovini, esenkcochoyini yentaba. Umnyango wendlu kamam’uNontobeko ujongene nalogadi yakhe iluhlaza yaka. Ecaleni kwesango legadi yihoko eyenziwe ngamaplanga egcina izixhobo zokusebenza, kuyo kukho iibhotile zeelitha ezimbini ezigcwaliswe amanzi. Uthetha ngokucacileyo nangokuzithemba futhi, esitsho ukuba ufuna ibali lakhe lipapashwe kabanzi. Kodwa okubaluleke kakhulu kumam’uNontobeko kukuba ibali lakhe lifundwe lulutsha lwasekuhlaleni.

Into emnandi ngokuhlala kwindawo owazalelwa waphinda wakhulela kuyo kukuba waziwa ngumntu wonke kwaye naye wazi wonke umntu apha ekuhlaleni. Abazali bam nookhokho bam nabo basuka kulengingqi.

Ndikhulela kwikhaya elingqongqo lamaKrestu, ndinabazali ababengandivumeli ndenze unothanda. Ukuba ilanga litshone ndingekafiki endlini ndandiba sengxakini enkulu. Sasingavunyelwanga nokudlala nje ngaphandle kwamasango asekhaya. Sasinyanzelekile ukuba sihambe icawe, ukusela utywala kona yayinto engavumelekanga tu kwaphela ekhaya.

Abazali bam yayingabantu abalungileyo, kwaye bengqongqo, ingamakholwa, benoluvo olulula bobomi: entle intle, embi imbi qha qwaba ke. Kubo kwakukho nje ububi nobulungisa, kungekho nto engaba iphakathi kobulungisa nobubi. Ndikhule ngendlela ephucuke kakhulu, oku ndikuqaphela sendimdala ngokuya kwam eKapa ndiyokusebenza ndingumncedisi emizini yabantu. Kwaba lula kum ukuhlonipa abanye abantu ndiquka nabaqeshi bam. Zange ndibe nangxaki zakufunda izinto ezintsha okanye ukumamela abanye ngenxa yendlela endakhuliswa ngayo. Ndandisenza endandikuxelelwa futhi ndingakhawulezi ukukhubeka emphefumlweni. Yindlela nje endakhuliswa ngayo.

Ekukhuleni kwam izithethe namasiko ayexabiseke kakhulu. Wawubahlonipha abanye abantu ingakumbi abantu abadala kwaye uzihlonipha nawe. Sasifunda yonke imisebenzi yasekhaya equka nokolusa. Kwakungekho misebenzi yamakhwenkwe odwa okanye yamantombazana odwa. Kwakungekho “mama wam okanye mama wakho”. Wonke umntu ongumama yayingumama wakhho. Wonke umntu ongutata wayengutatakho.

Kwakukho ingqiqo enzulu ngokuhlalisana. Yayingathi sizalwa ngumntu omnye kwaye sixhasana. Wawungenokufa yindlala babe abantu bakowenu benokutya. Ukwabelana ibiyinxalenye enkulu yempilo yasekuhlaleni.

Elona xabiso lo mhlaba

Sikhule silima amasimi. Ukutya kwethu okusisigxina besikulima kuba kungekho mali yokuthenga ukutya. Ootata nootamkhulu zange bayosebenza ezidolophini okanye ezimayni ngoba babelwazi ixabiso lomhlaba, ukuzenzela nekhaya elimanyeneyo. Ndikhule ekaya kulinywa imifuno enje ngamathanga, umbona, iimbotyi, ikhaphetshu nomfino. Utata wayenesitiya semifuno ekhaya enentsimi ngaphesheya kwelali apho wayelima khona umbona namathanga.

Ndikhumbula kakuhle sisengabantwana, sasisithi ukubuya kwethu esikolweni siye emasimini siyokulima. Siphinde ngentseni senze kwalento inye,kodwa sasisiya esitiyeni hayi entsimini. Ndandisebenza endlini phakathi ndikwajonge iinkomo neenkukhu. Ndikhumbula ndiseyintombi ndisinda ndiphinde ndityabeke ngodaka[2].

Inoba ndandineminyaka elithoba ukuqonda kwam ukubaluleka nokuxabiseka komhlaba. Utata wakuqinisekisa oku sisebancinci, wonke umntwana ongapha kweshumi lweminyaka wayesebenza egadini okanye emasimini.

Amasimi ngumhlaba omkhulwana wona, apho silima khona umbona ukuziphilisa phakathi kwezivuno. Ikhaya liyakwazi ukusisebenza isitiya ngokwalo kodwa amasimi afuna uncediswano. Oku kuthetha ukuthi abantu ekuhlaleni babencedisana ukusebanza emasimini.

Umtshato owawumbi kakhulu

Ndathi ndakuba neminyaka eshumi elinesthandathu (16), ngelishwa ndanyanzeleka ukuba ndisiyeke isikolo ndingene emtshatweni. Ngalomaxesha ootata babexabise ukufumana iinkomo nto leyo eyayibenza bavele babendise abantwana babo abangamantombazana[3]. Ndandimncinci kwaye ndandingenamkhethe.

La mtshato wawungalunganga ngezizathu ezininzi. Ndandimncinci kakhulu futhi yayingumtshato ogcwele inkohlakalo. Kulomyeni wam yayingengomaKrestu nto leyo yandiphatha kakubi kakhulu kwaye yayingumntu owayesela kakhulu. Wayendibetha phambi kwabazali bakhe kodwa bengandinqandeli. Nabantwana bam bayibona loo nkohlakalo.

Amandla okuhamba

Umtshato wam waphela xa ndineminyaka engamashumi amabini (20). La mtshato wangalungelanga mna nje kuphela, wawuyintlungu esisigxina ebantwaneni bam. Kukubona le ntlungu ebantwaneni bam okwandinika Amandla okuba ndihambe.

Emtshatweni wam ndibe nabantwana abane: amantombi amabini namakhwenkwe amabini. UNomfundo, izibulo lam, wazalwa nonyaka ka 1971. Ndicinga ukuba ngoyena walimala kakhulu emoyeni nasengqondweni ngokubukela inkohlakalo endandiyifumana kutatakhe. Oku kwamphatha kakubi ebomini kwaye kuyikrazule intliziyo yakhe.

Umyeni wam wayengabethi nje mna kuphela wayebabetha nabantwana. Izibulo lam linenxeba eliphuma kokokubethwa. Wambetha ngenduku eyayinentsimbi ngaphambili. Usebuhlungu nangoku sesosahlekalo. Oku kndivisa kabuhlungu ngoba naye ngoku akabaphathi kakuhle abantwana bakhe. UNomfundo ngumntu onenkani, wayenjalo kwasebuncincini bakhe, kwakunzima ukumlawula. Ndonwaba ngokutshatwa kwakhe ngoba oko kwakuthetha ukuba uphumile ezandleni zam. Uhlala nabantwana bakhe ngoku asifane sinxulumane. Sifane sithethe uba ndimfowunele. Ngumntu apha ongathi akaludingi uthando lwabantu.

Emva kukaNomfundo ndibe nomnye umntwana endamthiya ukuba ngu’Mxolisi’. Esemncinci wayeyinkwekwe ezithobileyo ehloniphayo. Uthe akuba mdala waqala wasela utywala, kodwa wawungeke utsho ngoba wayezifihla. Wayeyifihla kum yonke into aweyecinga ukuba ingandiphatha kakubi. Noxa engazange atshate ube nabantwana abaninzi abanoomama abahlukeneyo.

Le nkwenkwe ilandelwe yintombi yam yesibini, uBusisiwe. Usisimangaliso kwaye uzithobile ngendlela emangalisayo. Uyazi ukuba ubudlelwane phakathi kwam nosisi wakhe bubi ke ngoko uyawazama amathuba okuba sidibane. Uthe gqolo ukuzam ukuba sidibane sivane.

Iphelo lam, uXolisa naye ngumntu ofana nodade wakhe uBusisiwe ngokuzithoba nentlonipho.

Ukumka kwam emtshatweni ndabuyela ekhaya nabantwana, ndisuke apha ukuya eKapa ndiyofuna umsebenzi.

Ihambo yayingekho mthethweni

Ukuqala kwam ukuya eKapa, ndiseyintombi noko eze ngobuso ezweni, inoba ndandimayelana namashumi amabini eminyaka ukuya kwamathathu. Le mfuduko yayingekho mthethweni, kungoko ndingazanga ndihambe nabantwana ngelaxesha. Amapolisa ombuso wengcinezelo ayesoloko efunana nathi esilinda esitishini sebhasi. Kwakunyanzeleka ukuba sizimele.

Kwathi ngenye iholide, ndandineminyaka emithathu ndingumhlali waseKapa, ndisebenzela amadoda amabini aseZimbabwe ayethandeka kakhulu (ngoko iZimbabwe yayisabizwa Rhodesia). Ndakwazi ukubazisa abantwana bam uba bandindwendwele ngemvume nengcebiso yabaqeshi bam. Unyana wam uMxolisi, onguye omdala emakhwenkweni kwakunye nabatshana bam ababini abangamakhwenkwe, ingabantwana bakadadethu bazokutyela iholide kum. Kwakumele ukuba siqaphele singabanjwa. Kwakungcono ngoba ndandibafihlela amapolisa kuphela, kwakukho abantu ababengonqeni ukuba kulomngcipheko wokufihla, abantwana kumapolisa nakubaninimzi ngaxesha nye.

Kangangeminyaka emithandathu ukuya kwesixhenxe ndingahlali nabantwana bam. Yayinzima kakhulu le meko kum. Kodwa ekugqibeleni ndakwazi ukubazisa uba bazohlala nam abantwana bam eKapa. Abazali bam yayingabantu abalungileyo kakhulu ebantwaneni bam, kodwa babengenokwenza ngalendlela endandibawela ngayo mna mama wabo ngexesha behlala nabo eMpuma Koloni. Ndandingakwazi ukulawula ukuba batya ntoni, banxiba ntoni okanye ukubahoya xa begula.

Abazali bam babesele bekhulile noko. Ngexesha bendinceda ngabantwana babebadala kunam ngoku ndithetha nawe. Ndandisithi xa ndize ekhaya ngeeholide ndifumane abantwana bam bengenazihlangu, benxibe iimpahla ezimdaka benamasa. Ndandizithumela izihlangu kubazali bam kodwa babekholelwa ukuba ukunxiba izihlangu usezilalini yinkcitha-xesha. Babezigcina ukuze zinxitywe ngamaxesha abalulekileyo, ngamanye amaxesha bazigcine zide zibencinci. Andifuni ukuthi abazali bam bandimosha kodwa ndingathi yayilixesha elinzima eliya.

Ndibuyela ekhaya isigxina

Ukushiya kwam umtshato nekhaya lam ndihlale eKapa iminyaka engaba yi 37. Ndandimana ndisiza ekhayeni ngeeholide ndivakasha, ndide ndaza ekhaya isigxina ngo2010. Ndagula eKapa kangangokuba kwanzima ukuhamba ndahamba ngoncedo lwentonga. Ngexesha ndiseKapa ingqondo yam yayisoloko icinga ngokulima isitiya namasimi apha ekhaya. Ndandisithi xa ndihleli ndisokola, ndingumsebenzi oncedisayo emizini yabantu, ndipheka, ndicocela umqeshi, ngalo lonke eli xesha ingqondo yam icinga ngokuza ekhaya ndizokulima lamasimi.

Ubomi eKapa babungekho lula. Ndandivuka ekuseni ndiye esitishini ukubamba uloliwe maxa wambi iteksi[4] ukuya emsbenzini. Uthi ufika emsebenzini ube sowundiniwe kakade kodwa kusamele upheke, ucoce, uhlambe impahla uhoye nabantwana. Uma ngenyawo imini yonke, emva kwemini kufuneka ubuyele esitishini ugoduke ukuze uvuke ekuseni kwakhona uphinde lento inye imihla nezolo.

Ndathi ndakufikela kwisigqibo sokuba ndibuyele ekhaya ndaxelela umqeshi wam. Umbuzo wakhe wokuqala wathi ‘’Úzakutya ntoni apho?’’ Ndamxelela ukuba ndizakulima ukutya. Waqhubekeka, kubonakala ukuba uyayiphikisa le mbono yam, ndamxelela ukuba ‘’andizusebenzela ukuba ndibe sisityebi koko ndizakulima izidlo ezahlukileyo ezi ndifuna ukuzitya’’.

Ndandingafani naye, ndandingena mnqweno wobutyebi. Ndandifuna nje ukulima ukutya okwaneleyo ukondla mna nabantwana bam. Ndemnka ndingamsalisanga nakakuhle umqeshi wam ngoba wayethe gqolo ukundixelela ukuba ayizukusebenza le nt0 yokubuyela ekhaya. Ndemnka ndabuyela ekhaya ndingenamali.

Xa ndicinga, ndiyabona ukuba kutheni ndandinengxaki yemilenze. Apha ekhaya andisebenzi ngemithetho yomnye umntu. Futhi ndathi nje ukufika kwam apha ekhaya ingxaki yam yemilenze yavela yaphela.

Wayecing’ ukuba akhonto ingaze imile kulo mhlaba

Ukubuya kwam eKapa uzokuqala esi sitiya sam, yayingumhlaba ongazange walinywa ngaphambili ugcwele amatye nengca. Ndinesinye isitiya phaya ekhaya, emzini wabazali bam apho ndilima khona amathanga, umbona neminye imifuno.

Kudala wawusithi xa ufuna umhlaba uye kwinkosi ikusikele umhlaba. Lo mhlaba ndihlala kuwo ngoku wawungowomnye umntu. Zange wawufuna kuba unamatye amaninzi kwaye ungekho mkhulu. Kuba ukufutshane nomhlaba katata waya kwinkosi wacela ukuba unikwe mna endaweni yakhe.

Kwakugcwele ingca kulomhlaba, ndacela ubhuti wam ukuba andihlakulele ngetrektha yakhe. Into itrektha eyayenzayo kukuvele iguqule umhlaba ube nesoyi ezinkulu phofu ezazisenengca. Ndavela ndavula imingxunya ndafaka imbewu kwezosoyi zomhlaba, ndifaka imbewu endandiyithenge eQonce[5].

Ndandingenamali ukubuya kwam eKapa, kungoko ndavela ndabiyela ngocingo oluhlabayo ngoba ndandingenamali yokuthenga ucingo olufanelekileyo. Ndazama ukufaka amazinki alahliweyo apha emhlabeni ukuvalela izilwanyana ukuba zingangeni

Ndikhumbula abamelwane bendibuza ukuba kutheni ndisebenza kanzima kangaka. Yayiyinyani, yayingumsebenzi onzima kakhulu kodwa ndandisifuna ngentliziyo yam yonke esi sitiya. Xa ndikhumbula ezo ntsuku ndilima emhlabeni ongalungiswanga kakuhle nam andazi ukuba ndayenza kanjani yonke into.

Ndawufumana njalo ke lo mhlaba, ndinawo namaphepha ukungqina. Ndicinga ukuba la indoda eyandinika lo mhlaba xa ingawubona ngoku ingothuka ife isiqaqa ngoba yayingacingi ukuba kukho into engakhula apha.

Nam andazi uba ndakwazi njani ukulima ukutya kulomhlaba. Isamangaza abantu abaninzi nangoku lo nto. Ndawenza lo msebenzi ngaphandle koncedo nakubani. Ndikwakhetha ukuzenzela- ngalondlela izinto zenzeka kanye ngalandlela ndifuna zenzeke ngayo. Ukulima sekusentliziyweni yam kwaye ndiyakuthanda yazi!

Ndafunda indlela yokuwuphatha lo mhlaba

Ndivuka ekuseni ndingene esitiyeni sam ukusukela ngomsobomvu uyokutsho ngorhatya. Sithe isitiya sam xa sesikhupha isivuno esibonakalayo ndaqala ndathengisa amathanga apha ekuhlaleni ngo 2011.Ndandinezityalo ezininzi, ukubala: amathanga, ibeetroot, ikhaphetshu, nemifino. Ndandizithengisa ezi zityalo, lonto iyonwabisa intliziyo yam.

Zange ndasebenzisa izichumisi tu kwaphela ekulimeni kwam. Andizidingi izifakelwa zeekhemikali ukugcina isitiya sam sikwimeko esemgangathweni yolimo. Ebusika ndifaka umgquba wenkomo, ndiwudibanise nomhlaba ndiwushiye apho kude kufike ixesha lokulima. Siso kuphela isichumisi endisisebenzisayo. Zange ndasebenzisa zichumsi zozenzele ukukhulisa izityalo ngokukhawuleza futhi zange ndiphinde ndisebenzise itrekthara kwakhona entsimini yam. Yonke le minyaka ndisebenzisa igaba kuphela kwaye lindinika ukutya okuninzi.

Ngaphandle kondikufunde ebazalini bam nakubanye abantu abadala apha ekuhlaleni, ulwazi lwam ngendlela yokulima enobudlelwane nendalo (agroecology) isuka kwi Ntinga Ntaba ka Ndoda[6]. Kwiintlangano mfundiso ezininzi ezibizwe yiNtinga Ntaba kaNdoda, ndifunde iindlela zokulima ngaphandle kwezichumisi nokugcina amanzi okanye ukuvuna amanzi. Zange ndafundiswa ukuvuna amanzi ngaphambili. Ndikhumbula esitiyeni sikatata sasidla ngoyokukha amanzi emlanjeni ukuze sinkcenkceshele.

Into endiyithanda kakhulu ngesitiya sam kukuba andiyithengi imifuno. Nditya apha esitiyeni sam. Into endingenayo endiyibawela kakhulu ukuba nayo yimithi yepesika.

Ikamva elothusayo

Sinomceli mngeni wamanzi kulendawo, sithembele emanzini emvula kakhulu. Xa kunetha ndiqokelela amanzi kangangoko ndinako ngeebhotile neembombozi. Ndandidla ngokunkcenkceshela isitiya sam ngentsasa kodwa ndaqaphela ukuba oko akulunganga ngoba xa ilanga liphuma umhlaba uyoma ngoba amanzi avele afunxwe lilanga ngokukhawuleza aphume emhlabeni. Ngokunkcenkceshela ebusuku oku kunika umhlaba ixesha elaneleyo ukuba uwafunxe amanzi. Lo mhlaba kaloku unamatye lo nto yenza ukuba wome ngokukhawuleza. Lo nto ingangumceli mngeni ngelinye ixesha kodwa ayisandiphathi kakubi ngoku ngoba indlela yokuwuphatha lo mhlaba sendayifunda.

Ulutsha lwangoku alusenandaba nomhlaba aluwukhathelelanga tu kwaphela. “Umhlaba yigolide’’ nditsho imihla ngemihla. Abayikhathelelanga le golide. Abakhathali noba kuyanetha okanye akunethi. Le ngingqi yethu inamathambeka amaninzi, amanzi emvula akhukhula umhlaba lula xa kunetha. Kumele sikunqande oku. Ngabantu abandala abanomdla wokunqanda olu khukhuliseko ukwenzela uba umhlaba ungalahlekelwa zizinongo zawo zendalo. Umhlaba bubomi kum. Andikwazi tu ukucinga ubom obungenamhlaba. Singenza ntoni kweli lizwe ngaphandle komhlaba?

Eyona ngxaki inkulu esinayo yintuku. Qho ulima izikhuliswa ezibekela ngaphantsi komhlaba kulengingqi uzakuba nengxaki yeentuku ezitya imveliso yakho.

Kukho intetha enzinze ngoguquko lwemo yezulu. Oku kundenza ndizibuze ukuba kuzakwenzeka ntoni kwiminyaka ezayo. Abantu bazakulima njani ngaphandle kwemvula? Sesingxaki yokungabi namanzi ngoku ndithetha nawe. Nakwezi tephu uRhulumente azifakileyo zivele zome zingaphumi manzi. Sizakulima njani ukutya ezitiyeni zethu nasemasimini kweli lizwe? Ndisasebenza eKapa ndikhumbula ndiva ngoluguquko lwemo yezulu. Yayilibali nje kum ngeloxesha kodwa ndiyazibona iinguqu ngoku. Yinto eyoyikekayo ingakumbi ngekamva.

Into uRhulumente angazange ayicinge

Obu bubom bam - isitiya sam namasimi apho ndilima khona umbona kunye nequmrhu lentsebenziswano endisebenzisana nalo lasekuhlaleni. Sakuvuna amasimi ombona sithengisa isivuno senze imali.

Ulimo lombona yinxalenye yeprojekthi yomhlanganelo, kuyo siyazisebenzisa izichumisi zoozenzele. Ayikho nyulu nje ngesitiya sam. Le projekthi yombona yomhlanganelo licebo likaRhulumente. Beza kuthi ngo 2014 bacacisa ukuba singasebenza kuleprojekthi. URhulumente weza nezichumisi nathi ke asabuza mibuzo.

Ngenxa yobukhulu obu bentsimi (ingange-hektare), besingeke sikwazi ukusebenzisa umgquba kwintsimi yonke ngoba asinazo iinkqwelo zokuthutha umgquba siwuse entsimini. Intsimi inkulu kakhulu kwaye amalungu equmrhu eli ngabantu abadala noko. Kungoko ke iprojekthi ihamba kanye ngalendlela uRhulumente wayizisa ngayo kuthi.

Into uRhulemente angazange ayicinge kukuxhasa ulwakhiwo lwemalike apho singathengisa khona imveliso yethu. Sisasokola ngalendaba kwakunye nento yokuba asinandawo yaneleyo yokugcina umbona sakube sivunile.

Kulengingqi yam likhona iqaqobana lamadoda elizimiseleyo ekulimeni ukutya kodwa uninzi lwethu singabafazi. Amadoda kulengingqi ingathi akafuni kwenza nto idibanisele nabafazi. Le projekthi yombona yona inawo amadoda kodwa ndicinga ukuba kungenxa yobungakanani kwakunye nobukho bethuba lokwenza imali. Ngamanye amaxesha la madoda abiza iintlanganiso kodwa bangandixeleli. Abayithandi into yokuba ndingumfazi ongoyikiyo ukuthetha futhi ndazi ngapha kwalelali. Bayandoyika ngoba ndihleli edolophini iminyaka emininzi.

Indaba ebuhlungu

Unyana wam omdala wasweleka ngo 2010, phambi nje kokuba ndibuyele ekhaya ukusuka eKapa. Ukusweleka kwakhe wayengatshatanga kodwa wayethandana namantombazana amaninzi enabantwana abaninzi kuwo.

Ukusweleka konyana wam yindaba ebuhlungu kakhulu. Uthe wakugula, enye yeentombi zakhe yaza kum yandixelela ukuba bayagula bobabini banentsholongwane ye HIV. Unyana wam zange ayibike nokuyibika lento kum. Ndaluva oludaba kuphela kwintombi yakhe kodwa andakwazi ukumkholelwa. Ndandicinga ukuba uthethiswa sisikhwele ethethiswa yintliziyo ebuhlungu.

Kwathi ngenye imini ndibuya emsebenzini ndamfumana endlini. Wayekhala ngesisu esibuhlungu. Ndambuza ukuba uyile na ekliniki. Wathi ewe unikwe amayeza kodwa ubefuna ukuhlala nam ngobobusuku. Kodwa sithe singekalali nokulala intombi yakhe yazokumthatha bahamba kunye. Ngosuku olulandelayo uze ebusuku ehamba nomhlobo wakhe kwakunye nalantombi ebenayo ngezolo. Wayegula kakhulu ndabacela ukuba bamshiye nam bavuma.

Ngobo buskuku wawa ebhedini. Wayegabha. Wayekhwaza esithi singasicimi isibane. Unyana wam omncinci wayenam, zange silale ubusuku bonke.

Ngosuku olulandelayo xa sasimsa esibhedlele wayezama ukuphuma ngefestile esithi kushushu sithi sakutyithoba ifestile akhale athi uyagodola. Sithe xa sifika kwagqirha ndamkhwelisa kwistulo nqwelo (wheelchair) ndamqhuba ndamsa kwigumbi likagqirha lokuxilongela. Umongikazi wazama ukundinqanda ndamxelela ukuba ‘’umntwana wam uyafa ndidinga ukubona ugqirha nokukhawuleza’’. Ndaya ngqo kwigumbi likagqirha, ugqirha wamxilonga ngoko nangoko. Basixelela ukuba kufuneka alaliswe kwafuneka ukuba abotshelelwe ukuze bamthomalalise.

Sithe xa sifika esibhedlele ngosuku olulandelayo, wabe efakwe iiphayphu zomoya wokuphefumla. Efakwe iityhubhu empumlweni sengasathethi. Kudlule iintsuku ephefula ngemitshini engakwazi kuthetha. Ndandibona ukuba abusekho ubom kunyana wam, ndabuzwa ukuba ndiyafuna na ukuba icinywe imitshini. Abantwana bam nezizalwane azayivuma lo nto ngoba babengaqondi ukuba wayengasaphili yayimitshini qha emphefumlisayo.

Yaba yiveki yonke ndimbukele engcungcutheka umntwanam. Wasweleka ngecawe elandelayo kanye emva kweveki ekubeni elalisiwe esibhedlele. UMongikazi uthi wangena egumbini lakhe wambulisa, unyana wam wavula amehlo wasuka waxhuzula yaba kukusweleka kwakhe oko. Ndakhululeka ngoba wayephumile ezintlungwini.

Ndihlale ithutyana ndiphila ingathi akho nto yenzekileyo. Kodwa kuthe ekuhambeni kwexesha ndaziva ngathi ndishiywa zingqondo. Ndandingazazi apho ndikhoyo okanye ukuba ndingubani. Ndithe ndakuya kugqirha emva komngcwabo kwathiwa ndinesifo seswekile uba ndisenaso nje nangoku.

Andiziva ndililolo

Enye yezinto ezindigcinayo ngomzi wogcino lwabantu abadala ulapha ekuhlaleni endiyinxalenye yawo. Ukuhlala wedwa kunokuba nzima kodwa andiziva ndindedwa ngenxa yalomzi wabadala wasekuhlaleni.

Xa sisonke sibaliselana iingxaki zethu sicebisane sakugqiba. Uninzi lwengxaki zethu zingabantwana, singabazali siphatheka kakubi ngendlela abantwana bethu abadala abaphila ngayo kwakunye nempilo nje yabo.

Iinkokheli zecawe nooNompilo bayasindwendwela emzini baqinisekise ukuba sityile kwaye siphilile. Ngumzi wasemini, siya pha sichithe imini ikhona sitye zonke izidlo zosuku sigoduke ebusku. Xa ndingekho sesitiyeni sam ndisemzini wabantu abadala ngamaxesha amaninzi. Lo mzi ufumana isibonelelo semali kuRhulumente esiyisebenzisa ukuthenga ukutya okuphekiweyo apha emzini, kodwa ukutya okuninzi sikuvuna ezitiyeni nasezintsimini zethu.

Ukutya okutsha kokona kutya kulungileyo

Ukutya yinto ebalulekileyo empilweni yoluntu. Ezikolweni, ezibhedlele, kwiihotele akho nto unokuyenza ngaphandle kokutya. Ukutya okusempilweni, okukhuliswe ngendlela ezimanyana nendalo kokona kungasinika impilo ende.

Kukho ukutya okuzikhulela nje kungalinywanga, bubuhle bendalo ke obu. Ndikhe ndihlale nje ndibukele obo buhle bungummangaliso. Ndikhumbula sisengabantwana kwakukho iziqhamo esasizifumana nje ehlathini singazilimanga siziphiwa nje yindalo. Oku kutya kwakusigcina sisegazini. Sasingachitha imini yonke emadlelweni sisolusa kodwa singalambi ngenxa yezi ziqhamo. Kodwa ngoku azisafumaneki ngenxa yokuguquka kwesimo sezulu.

Abantu abaninzi bayagula kwezintsuku ngenxa yeziselo zihlwahlwazayo nokukutya okungenasondlo. Ukutya okutsha okuphuma emhlabeni kokona kusilungeleyo, kodwa abantu batya ukutya okugcinwe ezitotini okanye okugcinwe kwizibandisi ixesha elide. Oko kutya akukho segazini. Ulutsha lucinga ukuba ukutya kuvela ezivenkileni. Inga abantwana bangomso banganobomi obusempilweni obokhekileyo nje ngathi sisakhula.

Umhlawumbi ikhona indlela yokwenza abantu abaninzi batye ukutya okuphekwe emakhaya okukhuliswe ngendlela eyamaneleyo nendalo, uba singakwazi ukupapasha banzi umonakalo obangwa kukutya okukhuliswe ngekhemikali. Noxa ukutya okulinywa ngendlela eyamaneleyo ndendalo kungumsebenzi nje kodwa ekugqibeleni kuxabisekile ngoba ufumana iziphumo ezihle.

Ndikholelwa ukuba ukuzikhulisela ukutya nemifuno yakho kubalulekile kwimpilo yesizwe neyabantwana. Umhlwawumbi ulutsha olusingq0ngileyo olusibonayo xa sisenza ezi sinto lungakhuthala. Ayinaxabiso liyimali ngoba ayifuni mali. Ibaluleke ngakumbi ngoba iyakwazi ukwenzela imali. Ungayithengisa imifuno kwaye ungayitya kwakhona. Ungondla isizwe ngokokutya.

Ndiziva ndizolile

Ndisebenza kangangoko ndithanda entsimini nasesitiyeni sam. Uba andifuni kuya andiyi andiyi. Xa ndivuka ekuseni indawo yokuqala endiyijongayo sisitiya sam, esigcwele iintaka. Ziyasithanda isitiya sam xa ndingekho kodwa xa ndikhona ziyemka zindinike ithuba lam esitiyeni. Isitiya sam yeyona ndawo ndiyithandayo. Noxa intsuku zam zifana ngaphandle nje kwangecawa ngoba ndiya ecaweni-ndiziva ndixolile apha. Andikholwa ukuba ndiyakuze ndihlale endaweni engenamhlaba kwakhona njengangokuya ndandihlala eKapa. Yayingeyo mpilo intle kwaphela kum

Ndiziva ndisondelelene kakhulu nomhlaba, usentliziyweni kum. Ndidinga ukuhlala kwindawo ephangaleleyo enomoya omtsha osuka kwizityalo nemithi. Ndifuna ukubona imilambo iphalala. EKapa ubomi babusithukuthezi busisizungu kodwa ndithe ndakufika apha ndadibana nalamithi mide, ubom bam bavela bakhanya. Ndivele ndonganyelwe lulonwabo endingakwazi ukulichaza. Le ndlela yokuphila yindawo yam yolonwabo.

Xa ndingasekho kulomhlaba ndingathanda ukuba abantwana bam bandikhumbule njengomama owayelungile owazama ukuyiguqula intsokolo yabo. Andifuni abantwana bam basokole ukodlula oku sebekufumene.

Ndifuna ukufundisa abantu ukuba bahloniphe abanye abantu nto leyo ingungqa phambili kum. Ndithemba ukuba abanokuchitha ubom babo bethengisa intsebenzo yabo ezimayni naphi na phofu, babebesitya ukutya okubolileyo kwasezimalikeni. Ndifuna bazinakekele bakwazi ukuziphilisa. Ndilima ukutya okulungileyo okunesondlo apha kwaye ndingathanda uba nabo bengenza njalo kubo nabantwana babo.

  1. eQoboqobo(Keiskammahoek) yidolophu encinci eseMpuma Koloni, eMzantsi Afrika.ENdlovini yilali eyakhiwe encochoyini kulenginqi.
  2. Ukuqaba ubulongwe benkomo phantsi endlini yodaka,lonto ibizwa ukusinda,kunye nomxube womhlaba namanzi uziqabe edongeni yendlu yodaka,yenye yendlela yokudala eyayisetyenziswa ukugcina ezizindlu zodaka zomelele.
  3. Lobola luhlobo olusetyenziswayo ngbeNguni apha eAfrika apho kusabelwana,ngemali okanye imihlambi yenkomo,ezisuka kwikhaya lwendoda leyo efuna ukutshata ezisa kubazali nekhaya lentombi afuna ukuyitshata ngokwesintu.Ngokwezinye izithethe apha eAfrika,isiqalo sentetho youtshatiselana iqala ngelobola.
  4. eMzantsi Afrika, igama iteksi lisetyenziswa kwisithuthi somntu apho athi yena anike iinkonzo kubakhweli njengezithuthi zomntu wonke.
  5. eQonce(King William’s Town)yidolophu eMpuma Koloni eMzantsi Afrika,iphezulu komlambo ekuthiwa yiBuffalo River.
  6. Ntinga Ntaba kaNdoda ngumbutho oyimbuba yabahlali ezilalini omele amalungelo,imihlaba kunye nophuhliso lwasezilalini.Lombutho useQoboqobo,eMpuma Koloni,eMzantsi Afrika.Wasekwa ngabahlali ngonyaka ka 2002, njengombutho oncedisa ukuphakamisa imisebenzi nembono zabahlali ukuba ziyephambili.