Rudo Chigudu

Rudo Chigudu

 

 

Ukuphatha nokuphillisana ngokuyimbuyiselo nomhlaba sisenzo sokuzingca, kwaye ikwasiso nesothando. Thina bantu belizwekazi iAfrika, umhlaba asiyinto nje evelisa ukutya kuphela, kodwa umalunga nenkcubeko noqhagamshelwano kwizinyanya. Umalunga nemvelaphi, ingcambu kunye nobunganga bokuzimela ngokuqinisekileyo uzingce.

Ezo bhulukhwe zibomvana/zipinki

Uhambo lokuqhuba udlilwanondlebe nabalimi abase Ethiopia, eSenegal,eMzantsi Afrika nase Zimbabwe, nokuhlanglanisa lamabali ngohlobo endandixelelwe ngalo ukuba mayibe ngamabali kwandenza ndathobeka.Ukusuka kumzi womlimi ngamnye ndidlulele komnye,ndahlangana nesisa nobubele.Mna nezitoliki endandisebenzisana nazo savunyelwa sangena kanye ngaphakathi kwalamakhaya nasenzonzobileni bobunzulu bengqondo neentliziyo zaballima abamangalisayo,basabelana kunye nathi amabali abo.Kwakukho amathuba kunyanzeleke ndizibambe inyembezi,nanjengoko lamabali ayehlaba enzonzobileni yentliziyo yam.Ngamanye amathuba ndizibambe ukuba ndingatsiba-tsibi ndichulumance ndivuya sisiphelo esonwabisayo.Umbalisi wayenamava awohlukile ngokwezentlao,ezenkcubeko,ipolitiki kunye nezoqoqosho,kodwa okumangalisayo,kwakukho ukuthungelana okufanayo.Ukusebenzisa amandla kombuso neenkampani ezinkulu nezinobunganga zoshishino zabucala kwakucacile,kuhambisana nokuxhathisa/nokuqhankalaza kwabalimi okwakubonakala..

Ngaphambili phaya kwincoko endandinazo ne Thousand Currents ezimalunga nokushicilelwa kwalamabali,ndabanemincili kakhulu ukuba ndibeyinxalenye yenkqubo yokubalisa lamabali.Ndiyakulangazelela ukuqokelela amabali ngomama,ulutsha, kunye nabalimi bemveli kubhiyozwelwe iindlela zokulima nezokutya kwemveli.Ndiziviva ndizukisekile ukuba yinxalenye yokudala nokuqonda ngendlela abalimi abasakha ngayo esisakhiwo senkululeko yokutya[1] Ndacinga ndizakuba lingqina nje elimele ukubalisa lamabali abalimi kwaye ndifunde ngamava ahlukeneyo wabalimi kunye noluntu lwamahlathi abahlala kwindawo ezahlukeneyo. Ndandingenalwazi lokuba kanti nam ndiyinxalenye yoluhambo, lwandithabatha lwandiphindisela ebuntwaneni bam,lwandivuselela iingcinga zakudala, lwandichukumisa, luqhwayelela kwaye lwakhwezele kum iindlela ezintsha zokucinga.

Ekukhuleni kwam,utata wayenqabile ukuthetha ngokungcikivwa nangokubanjwa kwakhe ngamakolonal ngexesha iZimbabwe yayisilwela inkululeko.Kodwa wayesithi apho ethetha khona,athethele phantsi ngelizwi elingcangcazelayo.Wathetha ngenkohlalkalo yenkqubo yolawulo yobukoloniali nokubaluleka kokubuyisela umhlaba wokulima ulawullwe ngabemi base Zimbabwe.Iminyaka emininzi ndigutyungelwe ngumsindo.Iimbewo zalomsindo zahlwayelwa ngakumbi kukubukela utata wam kwaye ndisiva amabali ngendlela utat’omkhlu wam kunye nabanye amatshantliziyo ngendlela abatshutshiswa babulawa ngayo ngexesha besilwelwa inkululeko yaseZimbabwe.Ubuhlanga nobuni bentlalo yokungalingani elizweni elindingqongileyo kwakhwezela lomsindo wam.

Izizalwane zikatata wam babenomhlaba emaphandleni/ezilalini. Ebuntwaneni bam,ndandichitha ikhefu lokuvalwa kwezikolo ndisebenza emhlabeni,ndilima,ndisusa ukhula okanye ndivuna.Ndandingathandi kwaye ndikwayicaphukela nakanjalo,kodwa abazali bam babengagungqi ngluhlobo lokuchitha ikhefu.Ndikhumbula ibhulukhwe yam ebomvana/epinki endandiyinxiba xa ndisebenza emasimini.Nanjengoko ndiye ndikhula minyaka le ibhulukhwe yam ebomvana yayibancinane kum kodwa ndaqhubeka ndiyinxiba kwade kwangenelela umama yasuka yaduka yalahleka.Xa ndicinga ngobudlelwano bam nomhlaba,ndibanombono wam ndisengumtwana oneminyaka esibhozo ndinxibe ibhulukhwe yam ebomvana/epinki,ndihlwayela imbewu emhlabeni ndakugqiba ndiyigqumelele.Kweso senzo ke, ndandingatyali ukutya kodwa. Ndandilhlwayela iimbewu zobomi bam obude bothando lomhlaba endingazange ndbuithathele ingqalelo ngeloxesha.

Ngethuba bendiqala udliwanondlebe koluthotho lwamabali, ndafumanisa ukuba iincoko kumahlelo eendaba malunga nabalimi abasebenzisa izakhono zokulima kwemveli abanalo unxibelelwano nabo ngamava nolwazi ngendlela aba balimi baphila ngalo.

Isininzi samabali abaliswayo sibajongela phantsi. Aba balimi babonwa njengabantu abasokolayo kwaye abangenafuthe elinokubangela uloyiko kwinkqubo yemizi-mveliso emikhulu “yokondla ilizwe”

Kukwakho nabalimi abayinxalenye yabo abalwa lenkqubo yokulima kwemveli, baxhomekeke kwimbewu zemboleko, izichumiso zekhemikhali, amayeza okubulala izinambuzane nalawo mayeza abulala ukhula kwizityalo.

Ukuba yinxalenye yaba balimi-abantu abaguqule umsindo wabo bangamatshantliziyo alwela amalungelo abalimi, baguqula umsebenzi wokulima wabaluthando, ukuba likheswa babumbana,umsebenzi wayinkululeko-bandenze ndaziva ndathobekile.abalimi abaninzi bathetha ngokukhululeka nangoshishino oluzimeleyo oluziswa kukuzilimela nangendima luyidlalayo ekubeni baziphilele kwaye bazimele. Omnye kwabo balimi yayingu-Busisiwe Mganxela,osuka eMpuma Koloni eMzantsi Afrika-——owayezidla enebhongo ngokuba yena akanaso isidingo sokuchitha imali ayokuthenga ukutya koosomashishini ngokuba yena nosapho lwakhe baphila ngokutya akulimayo. Abalimi balimi babasebalana ngendlela ukulima okuyinxalenye yokwakha ubudlelwano ngaphakathi kwiintsapho zabo kuynye nomhlaba.Ndikwavile nangendlela abantwana bomlimi wase Ethiopia uWorke Shumye kwakunyanzelelka bamphathele ukutya ngelixa esemasimini kuba wayengakwazi ukuyishiya intsimi engekagqibi ukusebenza. Olu luthando-uthando losapho kunye nomhlaba.

Ndikwamamele xa ababalimi becacisa ngendlela abalima ngazo beqhubeka befunda emhlabeni ukuba ufuna ntoni kwaye bona yintoni abanokuyinikela emhlabeni ngelixa beqhubeka ngendlela ezintsha zokulima. Kwibali lakhe uMariama Sonko, wase Senegal, ucacisa ngelaheko enkulu,ngokunikezela,nangendlela owazifumana ngayo ukubuyela kwakhe emhlabeni ngokuthi aqale uhlobo olutsha lokulima olubizwa ngokuba yi-agroecology.Ndakhwanqiswa libali lika Nosidima Sam wase Mantis Afrika elokuba kumaxa apho eziva intliziyo yakhe idandathekile,ufumana ukuxola nentuthuzelo xa ehleli engqongwe ngamakhphetshu nakwimiqalo yesipinatshi.Kwaye kwakho nenxalabo eyavakaliswa ngelixa ndisenza udliwanondlebe no Virginia Magwaca wase Rabula,eQobo-Qobo(Keiskammahoek),eMzantsi Afrika.Ixhala livuselelwa.Ngexesha siphakathi kudliwanondlebe,intombi ka Virgina,eyayiphandle ihlamba izitya,wasuka wadanduluka ecula,wavuselela uVirginia ukuba athethe ngendlela ulutsha oluchasele ngalo kulwazi ngomhlaba kunye nangendlela ekufuneka baphinde ukufunda ngolulwazi abalahlekene nalo lomhlaba.Nam ndaziva ndingohlukanga kubo,ndilapha ngoku,ndiphinda ndibuyela emva kwiinfundiso zabazali bam kunye nolwazi lwamandulo.

Ukuqhanqalaza, ukuxhatshazwa nokunyanzeliswa

Ingqalelo enkulu inikezelwa kulwandiso lwemizi-mveliso ezinkulu yezolimo apha e-Afrika engqamene nokuphuhlisa ngokwezoshishino iimveliso zelizwe kunye “nokondla ilizwe”. Oluthotho lwamabali luvelisa ukuba abalimi abancinane abasebenzisa lendlela ye agroecology sebenalo ulwazi lokuba ngendlela ezinzileyo ukutya okwanele bona neentsapho zabo nasekuhlaleni,ukuba nje banokunikwa amathuba.Nangona kunjalo, imigaqo-nkqubo esetyenziwa kulawulo lwezozombuso nezoshishino kwimithombo yokutya kunye nenkxaso-mali ayikho ngecala labo[2]. Ukanti bukhona ubungqina obuxhasa ukuba ukusebenzisa umlinganiselo wezophuhliso lwezoshishini ngokwemali eyenziwa ngokwezentengiso alihllisi izinga lendlala. Endaweni yoko, lunoxulumano nokungalingani kwemimvuzo kunye nokurhwaphiliza ubutyebi nongxowankulu.

Le nto yokuzithathela umhlaba ngaphandle kwesivumelwano kubanini bomhlaba ziinkampani ezinkulu zoshishino zamazwe ngamazwe ziye zishiye abahlali kumhlaba omncincinane okunye bengenawo umhlaba wokuba balime baziphuhlise kunye bafumane nezinye izidingo ezifana namanzi,okunye kuye kusanda kwaye kuqheleka ukukhangelwa kwezimbiwa nokonakaliswa kwezendalo okwenziwe kwiingingqi ekuhlala kuzo abantu apha e Afrika.Ngamnaye amathuba,amazwe ayathula abele kwaye avumele ezinkampani zinkulu nezo zishishina ngezolimo zibenolawulo kwiintengiso,zivelise ukutya okuguquliweyo ngokwemvelo kunye balawule ngeembewu, bathintele amalungelo wabalimi ukuzigcinela ezabo iimbewu.

Ngelixa bendiqhuba udlilwanondlebe, abanye kubalimi baseMZantsi Afrika bavakilise inkxalabo yabo ngumthetho osayilwayo abacinga ukuba uzakuphazamisana neendlela abazisebenzisayo zokulima. Kungelishwa ke ukuthi kanti lemithetho ibisayilwa kungoku nje ishicilelwe ngokusemthethweni. The Plant Breeders’ Rights Act of 2018 and the new Plant Improvement Act of 2018 ithintela abalimi ukuba bazigcinele kwaye babelane ngeembewu, zombini ezi zizenzo apho ukulima kwabalimi eAfrika baxhomekeke khona[3]. UChuma Mgcoyi, sihleli kunye nam kwincochoyi yenduli zaseTamboerskloof eNtshona-Koloni, wandixelela amabali ngemvelaphi ezahlukeneyo zembewu abazisebenzisayo esitiyeni sabo. Imbewu nganye kukho ibali, lokunxulumana kwayo nomnye umntu wasemzini kwingqunqguthela yezokutya okanye ezinye iimbewu zihambe uhambo olungaphayya kwemida ngaphambi kokuba zifike kwesisitiya sabo. Yonke lo mithombo yenziwe ayabikho mthethweni ngokwaziswa kwalemithetho mitsha epalamente yoMzantsi Afrika.

Ngokwembono yam intsukaphi yokuxhatshazwa isekelezelwe zindlela zolawulo lwama koloniyali. Zikhona izinto abantu base Afrika babethinthelwa bengavunyelwa ukuba bazenze ngexesha lolawulo lwama koloniyali kusenjalo nangoku nto nje kusetyenziswa imigaqo-nkqubo nemithetho yokuvala imilomo ithulisa abo bachasene nalemigaqo;Ukujongela phantsi kolwazi lwase Afrika;ukudelela ulwazi lwamaAfrika; kunye nokuqhubeka ukudala iyantlukwano okunye nokuxhaphaza abantu base Afrika,umhlaba,intsebenzo,kunye nezixhobo.Abalimi esidibana nabo koluthotho basityhilela ukuba ukunxaxha,uthando,ukuzinikela,ukubumbana,ukuyila kunye nokunikela kuyayiduba-duba imbali yokuxhatshazwa kwelizwekazi IAfrika.

Likwakho neqaqobana labalimi abangavumeli ukuxhatshazwa nokunyanzelwa ukuba basebenzise ezimbewu zentengo zithengiswayo ngexabiso eliphezulu, abajolise ukulima kwindawo enye bekwaqgile kukusebenzisa uhlobo olufanayo, kwaye, kwaye lunemiphumela engalungaganga kwimpilo yoluntu. Babaleka ukuzifaka ematyaleni ukusebenza ezimbewu zithengwayo nezichumiso ezingalunganga abazinikwa ngaphandle kokuzihlawulela, okanye bafumane amancedo ngokwezimali ukuze bakwazi ukuzihlawulela ezimbewu. Emveni konyaka okanye emibini, abalimi kuyanyanzeleka baphinde bathenge imbewu kunye nezichumiso ezenziwayo ukuba baxhomekeke kuzo.

Ezindleko ziyenyuka,nanjengoko ezinkmpani zinkulu zamazwe ngamazwe zibeka imigomo yokuba ezimbewu zithengiswayo akuvumelekanga ukuba zigcinwe okanye ziphinda-phindwe ukusetyenziswa,into ethetha ukuba abalimi ababefudula bezigcina kwaye besabelana ngeembewu zemveli ngoku kufuneka bezithenge minyaka le.Ngamanye amathuba baye baboleke imali yokuthenga ezimbewu,lonto ibenza babengamaxhoba okugangxeleka ematyaleni nanjengoko besenza iinzame zokukhusela izondlo zabo ngalendlela “iphuculiweyo” yokulima, lonto iye ibashiye bexhomekekile kwimveliso zezinkampani zishishini kumazwe amaninzi,kunokuba basebenzise izixhobo zendawo abahlala kuzo. Ukubuyela kwimbewu zabo zemveli kuba ngumnqantsa, nanjengoko umhlaba wonakaliswe zizichumiso ezonobungozi ezisetyenziswa ukukhulisa ezimbewu zenziwa zithengiswa kulemizi mveliso emikhulu eshishina kumazwe ngamazwe.

Kwelinye kulamabali,uEsnati Mutembedza ubalisa ngengxabano egqubayo kwindawo ahlala kuyo eGoromonzi e Zimbabwe ebangelwa yimbumba yabo bathengisa ukutya okwenziwe ngezinto eziphilayo zendalo.Kwelinye icala kukho abalimi abancinane abavelisa ukutya ngohlobo lwezendalo,okusuka emhlabeni kungasetyenziswa zichumiso zentengo,ukungabikho siqinisekiso sokuba ukutya kwabo kuveliswe ngalendlela yendalo yenza bangakwazi ukufumana inzuzo ebafaneleyo ngelixa bethengisa nanjengoko kufuneka babenesiqinesekiso sokuba ngenene “ukutya kwakho kuveliswe ngendlela yendalo” lembasa ithatyathwe ngabo bezoshishino bezenzela bucala umbutho okhupha iziqinisekiso ezingafikelelekiyo kubalimi abaninzi.

Nangona kwako konke oku, bakhona abalimi abangagunqiyo bemile kwindlela zabo zokuvelisa ukutya ngaphandle kwalemigomo ibekwa ngabo bakushishino olukhulu lwezolimo. Ababalimi abayihombisi lenkqubo bayilandelayo, kodwa baphakamisa inkuthazo, baveza nemiceli-mgeni, bebhiyozela impumelelo yabo, okunye besabelana ngoxolo nokuzimisela kwimpilo yezondlo zabo. La mabali akoluthotho achaphazela imiba ngemiba, kodwa into ethi enze athungelane yingxoxo eqhubayo ngolwabiwo lomhlaba, ukutya nenkululeko yembewu, ubulungisa kwimo yoguquko lwezendalo, kunye nezoshishino kwilizwekazi nelizwe-jikelele. Achaphezela ngokubanzi imiba emininzi;ubomi babalimi,ngokupheleleyo okanye amasolotya athile achaphazela ukuqonda ngakumbi kulwazi ngemiba enzulu kunyenembuyiselo yemvano Phakathi kwethu kunye nemiba ejongene nabalimi belizwekazi jikelele iAfrika.

Umsebenzi wezombuso kunye nomsebenzi wezokulima

Kutsha nje,ayidluli imini ndingakhange ndidibane nengxoxo apha kumacadelo ezendaba okanye kwiintetho zabantu ezimalunga nomhlaba,imbewu,ukujika kwesimo sendalo,okanye uhlobo ukutya okunempilo kuveliswa ngayo kunye negalelo yezi zinto apha eAfrika.Kuye kubonakala ukuba amazwi athi avakale ngamandla,ngalawo worhulumente,amashishini,kunye nongxowankulu abaphakamisa ushishino kwezolimo oluxhomekeke kwizichumiso ezinobungozi,iimbewu zentengo,okunye kutsha nje, imveliso yentsha iGM technologies[4]. Ngamanye amaxesha oluthotho lwamabali ludlala indima yokuveza olunye uluvo kwezingxoxo ngokuthi libonise lamabali anembono zababalimi, zikwangqina nangolwazi abanalo,zibonise amabali abo,okunye zikhulisa ukubumbana koluntu ekuhlaleni jikelele.

Njengoko ndimamele ngohlobo lokulima olunxamnye nendalo oluhambela phambili ngeendlela ezisempilweni zokunxibelelana nomhlaba, zigcine indalo,okunye zikhulise ukutya-nangona umbuso neenkampani zisenza amalinge okungayithatheli ngqalelo lendlela yokulima eyidlalayo kwezombuso nakwezolimo ezinzinzileyo-Ndabuyela emva ndakhumbula endlwini kamakhulu wam.Kwakusoloko kukho amacwecwe omandlalo apho kwasomiswa khona iimbewu. Ndandikhwanqisiwe zinttlobo zolwazi lwemveli ezazisetyenziswa ngabalimi endandisenza oludliwanondlebe kubo-ulwazi ngendlela zokugcina imbewu,iindlela zokukhathalela okanye ukubuyisela ukuchuma komhlaba,iindlela zendalo zokulawula izinambuzane kwizityalo,ukukhulisa izityalo ezimbini zidibane kwisiqwenga ngasinye somhlaba zincedisana oluhlobo lubizwa ngokuba yi-sister cropping enomahluko ebizwa i-mono-cropping[5], apho utyala isityalo esinye kwisiqwenga ngasinye somhlaba.Ndazifumana ndichukumiseke kakhulu,ndakhetha ukuthula ndalila emva ndakugqiba udliwanondlebe, ndicinga ngendlela ushishino lwezolimo lunobuhlanga,Ndaziva ndichukumisekile kakhulu,ndikhe ndathatha ixesha ndakugqiba udliwanondlebe ndathula ndilila, xa ndicinga ngendlela abezoshishino kwezolimo baluqhuba ngalo olushishino lunobuhlanga,lunengcinezelo okunye lunolawulo lobukoloni, kananjalo lusekelezelwe kulawulo lokuba amadoda ngawo enza izigqibo alawule amakhaya nosapho nelizwe. Ukuphakamisa uhlobo lokulima ngokwezoshishino kuphela, ukhokhelwe yinzuzo lonto ijongela phantsi ulwazi lwabantu belizwekazi iAfrika, abantu abafana nabakhulu bam kunye nabazali bam, ababehlonipha indalo nako konke okuyingqongileyo iminyaka engaphapha kwmakhulu.Ndathi ke, emveni kokuba ndizosule iinyembezi zam,andakwazi ukuzinceda ndancuma kumbono wokuba ngaphaya kwalamabali ababalimi,ukukhanya kuzakuvela kulemithombo yemveli yolwazi kunye namava.

Likhe lakhona ixesha ngoku ndaqhubeka ndisenza udliwanondlebe, ndikhumbula ndijonge ngqo emehlweni kaSithokozile Matafini okwinginqgi yase Nezhuhwi eZimbabwe,ndithabathekile ngohlobo achaza ngayo indlela yean asebenza ngayo..Kanye pha,ehleli phantsi etsho ngalo mehlo ingathi kukukhanya kweenkwenwezi yayingathi ubambe ubuncwane-ndaziva ndinombulelo ongazenziziyo ngelithamsanqa lokuba ndikwazi ukuva ngolulwazi kwabelwana ngalo.Ndandisiva ibali likamama okhulise abantwana bakhe esebenza ngomhlaba.Ndabukela uhambo lwakhe ebusweni bakhe xa endithatha ehamba kunye nam kumaxesha akhe okuphoxeka, kumaxesha abuhlungu,kumaxesha apho wayegutyngelwe ngumsindo,kunye ekugqibeleni ixesha apho umhlaba wamnika ukuphila.Ndazibuza ukuba ingaba mangaphi amanye amabali anje ngala akhoyo-ahlei ezintliziyweni nasezingqondweni zikamama onjengo Sithokozile-angasokuze abone ukukhanya kwemini. Okwangoku ndilapha, ndaziva ndinethamsanqa elikhulu lokuba ndibe yinxalenye yalenkqubo yokuphakamisa ngakumbi amazwi abalimi,namava abawaphilayo, kunye nokuhlonipha iinkqubo abazisebenzisayo zokulima zonxibelwano phakathi kommhlaba nendalo nazo zonke ezikungqongileyo

Ndithe kwelithuba ndiwadibanisa lamabali wababalimi, kwakukhona ndiqondayo. La mabali bendiwamamele asingawo awomlimi omnye lo ebehleli phambi kwam.La mabali awanakumelwa ngumntu omnye kuphakanyiswe yena enziwe iqhawe eyedwa kananjalo awanakuncitshiswa abe libali elimele usapho lomzi omnye kuphela.Amabali amaninzi koluthotho abayinkumbulo kum uluntu kwindawo abahlala kuzo bayaphila kwaye ubomi bethu buyaqhubeka ukwakhana kunye nangokuzinzileyo sidibanise iinzame kwakunye nenkxaso yoluntu apho sihlala khona.Ukuxhasana,,ukusebenza ngokudibeneyo,kunye ukubumbana ezozinto ziyinxalenye yembali yethu,inkcubeko,kunye namasiko abantu belizwekazi iAfrika. Oluthotho ligalelo nje elincinane ukunceda nokuqaqambisa ngakumbi hayi nje ukomelela kweenqubo zokutya kwemveli kunye nabelimi, kodwa ikwangawo namabali oluntu oluncedisileyo ukwakha kunye nokuhluma okusekelezelwe kukudibanisa iinzame kunye nokubumbana ekuhlaleni-into ke leyo nam endaqala ukuyifunda ndinxibe lobhulukhwe yam ebomvana.

  1. According to the Declaration of Nyéléni, at the first global Forum for Food Sovereignty in Mali in 2007: “Food sovereignty lilungelo labantu lukuba bafumane ukutya okusempilweni kunye nokungqamelene nezithethe ezisekelezelwe kwindalo nezenzo ezingaphazamisani nomhlaba,kunye nelungelo labantu luzikhethela ukuba ukutya kwabo kutyalwa kanjani.Lonto ibeka iimfuno zabavelisi,abo bakuthuthayo kunye nabo bakutyayo phakathi kwingxoxo zokuqulunqa imithetho kunokuba bavele sebehamba indlela yongxowankulu.” Ukuba ufuna ulwazi oluphangaleleyo yiya :https://nyeleni.org/spip.php?article290
  2. Peter M. Rosset and Maria Elena Martinez-Torres, “La Via Campesina and Agroecology,” https://viacampesina.org/en/wp-content/uploads/sites/2/2013/05/EN-12.pdf; GRAIN, “All Crises, THE Crisis (the Industrial Agri-food System Is Central to All of Them),” https://viacampesina.org/en/wp-content/uploads/sites/2/2013/05/EN-12.pdf;
  3. African Centre for Biodiversity, “South Africa’s New Seed and PVP Acts Undermine Farmers’ Rights and Entrench Corporate Capture, Control and Domination,” https://acbio.org.za/en/south-africas-new-seed-and-pvp-acts-undermine-farmers-rights-and-entrench-corporate-capture-control.
  4. African Centre for Biodiversity, “Ingcaciso ezimbini ezenziwe zalula zisazisa lenkqubo intsha yeGM Technologies and Biosafety Risks,” https://bit.ly/2VbUhfV.
  5. The sister-cropping ibandakanya ukuthatha izityalo ezinokuthi zixhamle kwenye nenye kwaye zikhule kunye. Umzekelo oxhaphakileyo walento kukusebenzisa umbona,iimbotyi,kunye nethangaZingakhula zonke zidibene kwisiqwenga somhlaba,nanjengoko umbona unceda njenge sebe kwimbotyi lokukhula.Okunye,xa zidibene, umbona kunye nembotyi zinceda ukwakha umthunzi kwithanga.