
Virginia Magwaca
Iminyaka yengcali: 54
Ngqumeya, South Africa
Kwinkcochoyi yentaba kwilali iNgqumeya kume indlwana yodaka enembonisele entle kakhulu yedama elikhulu ekuthiwa yiSandile Dam. Kude kufuphi nawo kunesithabakazi sentsimi eluhlaza yaka, kwindlela emajikojiko ecanda iinduli namaxethuka. Kumanxadanxada kwelikhaya, sisiwiliwili, sesankxwe somsebenzi. UMlamli, umfo ononcumo oluhle omazinyo aluthotho, osesona sizalwane sikaVirginia sisaphilayo, ulungisa le ndlu yodaka kaVirginia. Uthabatha izixa ezincinane aziphose ngobunono kwidonga esenza iingqumba ezincinane. engashiyi zithuba esenza umfanekiso omhle. UVirginia intombi entle enomkhitha, ubuso bakhe buqatywe imbola. Usixelela ukuba imbola lifutha lakhe lobuhle masingajongi kakhulu indlela abukeka ngayo ngoku. Kuthi gqi intombazana esencinane isibulise ithi igama layo nguOyise, untondo kaVirginia, asibethe ngodlwabevu lengoma xa ephuma. Kuyabonakala ngenene ukuba sisemzini wabantu apha nto leyo eyenza kube lula ukuziva wamkelekile kweli khaya.
Kuluvuyo kum ukuba ndikwazi ukunibalisela ibali lam. Igama lam nguVirginia Magwaca, ndizalwa aph’ eNgqumeya ngonyaka ka-1963[1]. Ndineminyaka engamashumi amahlanu anesine ndikwanguye nomama wabantwana abane.
Ndawafunda amabanga am aphantsi naphezulu kodwa andizange ndaphumelela ukubhala iimviwo zebanga leshumi, ekulilo ibanga lokugqibela ngaphambi kokuya kwaNokholeji/yunivesiti. Ndakhulelwa ndikwibanga lesisthoba ndafumana intombazana egama lingu Paula.
UPaula umafungashwe wam, uhlala nam, ubesebenza eKapa. Ngaphambi koko ubesebenza eMonti. Ibanga lakhe leshumi (uGrade12 kule mihla) ulenze ngomnyaka ka 2007 waze akaziphumelela izifundo ezibini wagqibela engabuyelanga kuzifunda kwakhona. Usebenza ngokuzinikela ekwalilo noncedo phakathi kwekhaya kwabo baludingayo. Ndinomzukulwana apha kuPaula oneminyaka esibhozo.
Umntwana wam wesibini yindodana igama lakhe nguPetros. Uphumelele ibanga lakhe leshumi ngo2014, uqhubekeka ngezifundo zakhe eYunivesiti. Akathethi kakhulu, uthetha nje xa kunesidingo kuphela.
Owesithathu naye yindodana igama lakhe nguTsepo. Uphumelele ibanga leshumi ngo2016, uye wafumana umsebenzi ngenjongo yokonga imali ukuze aye eYunivesiti, apho azokuqala khona ngo2019. Ngumntwana okhuthele kakhulu nto leyo imenza ukuba agqwese esikolweni. UTsepo ukwayiyo nemvumi ebalaseleyo. Ungumbhexeshi weKwayara yokuhlala, iMnombo Wothando Choral.
Untondo wam yintombazana, igama lakhe nguOyisa. Ufunde wayokutsho kwibanga leshumi noxa engazange aliphumelele. Ngexesha leemviwo zakhe, kwavuka umlo wooNoteksi owamvalela ukuba angakwazi ukuzibhala ezinye zezifundo zakhe. U-Oyisa naye liciko kwezomculo, kwaye unesakhono esikhulu kumdlalo webhola yomnyazi.
Intombazana eyodwa kumama
Ekukhuleni kwam ekhaya, amantombazana sasibabini kuphela, indim nomzala wam uCynthia. Ndandiyintombi ekuphela kwayo kumama ndilekelwa ngamadodana amathandathu. Ebuntwaneni bam uMama wasingisa kwelaseMonti eyokufuna umsebenzi ngenjongo yokusipha ikamva eliphucukileyo, sakhulela phantsi kwesandla sikaMakhulu[2]. UMama wayesebenza ikakhulu kumakhaya njengomncedisi, wayesindwendwela rhoqo.
U-Mama akazange atshate, kungoko ke sikhulele kowabo. UMama wethu wayebathanda kakhulu oonyana bakhe. Noxa ndandiyintomazana ekuphela kwayo, sasingavani ncam. Ekukhuleni kwam, wayethanda ukukhalaza ngokuthi ndinenkani, ehlala esithi akayithandi loo nto. Ngokokubona kwam wayekhetha amakhwenkwe kunam.
U-Makhulu wayesebenza eQoboqobo, eyona dolophana ikufuphi nathi, esebenza khona njengomncedisi. Wayesebenzisa izithuthi mihla le xa esiya emsebebzini. Walandulela eli ndineminyaka elishumi elinanye (11) . Sisebancinane wayesivusa ngonyezi ukuyakukha amanzi okunkcenkceshela isitiya. Wayeyindlezane ngobubele, njalo ngeCawe wayengabashiyi abazukulwana bakhe xa esiya ecaweni. Kodwa qho emva kwecawa, siyazikhulula impahla zecawa sinxibe iimpahla zasekhayeni siqonde ehlathini ukuyokutheza iinkuni zokubasa umlilo wokupheka

Ndandithule ndisengumntwana, ndizokukuqabuka mva ngoku sendiyintombi ethe qabavu noko apho ndiqale ukungenela imibutho yasekuhlaleni ndaqala ndacula ezikwayareni. Ndade ndaba ngumbhexeshi ekwayareni apho unyana wam angumbhexeshi khona.
Sasinako konke esasikufuna
Ubomi bam bonke ndibuphile kwelikhaya. Sakhula singaswelanga nto, uTatomkhulu noMama babesikhathalele, sifumana konke esikudingayo. uMama wayengumsebenzi eMonti esithumelela imali ngokukhululekileyo. U-Tatomkhulu wayengumlimi, sisitya imveliso ephuma esitiyeni sasekhaya.
U-Tatomkhulu wayelima ngeenkomo, etyala imbewu ngekhuba elitsalwa ziinkabi, esebenzisa umgquba ukuchumisa intsimi yakhe. Intsimi yayihlala ichumile kukutya: oombotyi, mazimba, ngqolowa, iiertyisi, umbona, amathanga namazambane ndibala ntoni na. NoMakhulu wayelima imifino kulo myezo ndilima kuwo ngoku. Wasifundisa ukuba kungcono ukulima kunokuthenga imifuno emarikeni. Ngoko asizange sathembela kwiivenkile ukuze sifumane imifuno. Kuloo mihla yayingumnqa ukuthenga ukutya ezivenkileni into eyayifane ithengwe evenkileni yayiyirayisi.
UMakhulu wayezingca kanobom ngokuvelisela usapho lwakhe inyama, inkukhu, amaqanda, imifuno, kwanezinye iintlobo ngentlobo zengqolowa ngaphandle kokuthenga ezivenkileni. Wayezingca kakhulu ngam, ndiligugu lakhe.
Mhla ndafumana imbasa kumsebenzi wam wesikolo, uMakhulu waxhela iinkukhu ezintathu zesidlo sangokuhlwa kunezimbini zesiqhelo, le yesithathu wathi yeyam. Noxa wayeyabele mna le nkukhu yesithathu andizange ndiyitye ndendwa ndayitya naBantwana basekhaya kodwa ndaba necham lokukhetha iqhekeza elithandwa ndim. Ndaziva ndithobekile ndizingca ndinegugu nochulumanco ngempumelelo yam.
Impumelelo yamasiko nezithethe zakhe

U-Tatomkhulu wayelixhwele eyiyo nengcibi yamakhwenkwe. Noxa wayesele ekhulile ngeminyaka, wayesasebenza. Wayenomrhawu kwalapha eyadini apho wayeqhubela khona umsebenzi wakhe wokuhlola iindaba. Kwakuthi xa kufike iindwendwe zakhe zizokuhlolwa ndizikhaphe ndizise kuye. Wayesithi xa efuna okuthile, nokombiwa kwamayeza, athi ndilande umzala wam siyokomba amayeza lawo afunekayo. Ekuwabuyiseni kwethu amayeza lawo, utatomkhulu wayesixelela indlela iyeza ngalinye elisebenza ngayo kwanesifo elisiphilisayo.
Uncede abantu abaninzi abagula ngokwasenyameni nabanengxaki zasemoyeni. Wayengumakhwekhwetha weXhwele wayekwazi nokhulula abavalelwe ezintolongweni ngamayeza nje kuphela. Ndikhumbula kukho indoda ebulele inkwenkwana elalini. Abahlobo balenkwenkwana ibuleweyo bathi ngomsindo baziphindezela bayibulala le ndoda ibulele umhlobo wabo. Ekulanduleleni kwakhe eli umbulali, bonke ababebandakanyeka kweso senzo bavalelwa eziseleni. Abazali balo makhwenkwana baza bezokucela uncedo kuTatomkhulu, zange kube ntsuku zatywala akhululwa etilongweni lo makhwenkwe. Ndikhumbula bemi nganeno kobuhlanti bakowethu becula imini yonke ukubulela uTatomkhulu.
Kumaxesha amaninzi abantu babemhlawula uTatomkhulu emva komsebenzi awenze ngempumelelo. Babemhlawula ngeebhokhwe, iinkukhu kunye neenkomo. Wayengalubandezi uncedo lwakhe kwabo babengafikeleli ukumbuyisela inzuzo ngomsebenzi wakhe. Eyokuba akhethe mna kubazukulwana bakhe bonke ndibe ngumncedi wakhe isengumnqa nangoku kum. Mhlawumbi ndandindwebile kunabanye andazi.
Isiqalo sokuba nguSomashishini
Ukuguquka kwempilo yam kwaqala ngeminyaka yoo1989 mhla uMalumekazi ethi ndimthengisele imifuno kunye nenyama. Kwanyazeleka ukuba ndithethe ngoba abathengi babesoloko bendisokolisa, abanye bengafuni ukubhatala. Wandinika ithuba lam lokuqala lokuba ngusomashishini.
Kwathi xa uPaula eminyaka mibini, emva kokuthengisa isivuno sikaMalumekazi ngempumelelo, ndaqala ndathengisa iimidundu ngaphandle kwesikolo samabanga aphezulu sasekuhlaleni. Kwakukho nabanye abathengisi ababini, kodwa abantu babesenza umkrozo osingisa kwelam icala, ngoba ndandiwenza ngononophelo umsebenzi wam. Ndandiye ndisike ii-rolls phakathi ngocososelo, ndicwezise itswele, noxa ndingenasiqiniseko sokukwazi ukuba bayikhetha ngokutheni imidundu yam.
Kwabakho umjuxuzo ozayo, ndaqala ngokwenza imali ndilungisa iinwele zamantombazana. Ndenza intlanzi ndayithengisa emjuxuzweni apho. Ndiqale ukwenza zonke ezi zinto ukwenzela mna nabantwana bam imali.
Ndaqalisa ukulima ngo1993. Ndandinesuntswana nje lo mhlaba ngoba ndadingenacingo elaneleyo ukubiya isitiya sam sonke. Ngaphandle kwecingo iibhokwe neenkomo zingazitshabalalisa izityalo zakho. Ndakhawuleza ndaqonda ukuba okona ndilima kokona ndizakuba nesivuno esikhulu. Ndacela umntakwethu andincedise ukwandisa isitiya sam, sawenza umsebenzi ngempumelelo ndanesitiya esikhulu.
Ngeli lixa ndandilima ndisebenzisa ulwazi endandilufunde esikolweni, ulimo lolondolozo lwendalo, kwaye ndandikwenza ngobuchule. Nangoku esi sifundo sisafundiswa esikolweni, kungoko ndandikwazi ukunceda abantwana bam ngomsebenzi wabo wasekhaya ongezolimo. Ngo1994 xa ndandineminyaka imashumi mane nanye ndahlangana noceba owandicebisa ukuba ndisengazibhala iimviwo zam zebanga leshumi. Ndaqala ndafunda kwakhona ndazibhala iimviwo zebanga leshumi.
Amakhaya afumana ithuba
Ngo2006 ndazibandakanya nentlanganyela ebizwa ngokuba yi-Water for Food, ephethwe yi-Border Rural Committee[3]. I-BRC yasebenzisana noluntu inceda kubango nembuyekezo-mhlaba olwaluzakuqaliswa. Abahlali babebanga imbuyekezo kuRhulumente kuba ookhokho babo bakhutshwa ngenkani kumakhaya abo emveli beyokumiswa endaweni apho uRhulumente wengcinezelo[4] wathanda ukubabeka khona.
Iilali ezafaka amabanga zaliphumelela elobango ze ikhaya ngalinye lafumana iR55 000. Kwilali yethu sagqiba kwelokuba sizakugcina isiqingatha semali ukuze esinye isiqingatha sisetyenziselwe uphuhliso. Noxa imali yayincinci kangako kodwa yanceda amakhaya ukuba akwazi ukwenza izinto abangazange bakwazi ukuzenza ngaphambili. Kwabanovuyo kubantu abaninzi. Kungona sibona ukuba yayingeyomali ininzi leyo.
Emva kobango-mhlaba olwaba yimpumelelo, iBRC yavelisa iprojekthi yentsebenziswano kwezolimo, bonke ababenomdla bamnkelwa ukuba bangangena. Basifundisa ukuba ukuzivelisela ukutya yindlela yokulwa intlupheko nokunceda abahlelekileyo, njengabantu abadala.

Emva kokusifundisa izinto ezifana nokulima imifuno eyahlukeneyo kwindawo enye nendlela yokuphatha izitiya zethu, basipha iikiriva nezinye izixhobo zokusebenza[5]. Basinika imbewu nezityalo ukuze siqalise izitiya zethu, babuya emva kweeveki ezintandathu bazokusikuhlola ukuba siqhuba kanjani. Bathe bakubona ukuqaqamba kwesitiya sam, bafuna ukwazi ukuba ndenza kanjani ukuba ikhaphetshu lam libe luhlaza futhi libe likhulu kangaka. Ndabaxelela ukuba ndiyasihlakula isitiya sam.
Umsebenzi onzima
Ekuqaleni kwethu sasibasibhozo kulentlanganyela, kodwa emva kokuba abanye abantu bebone ubuhle bezitiya zethu bacela ukuba yinxalenye yethu. Inani lanyuka lafika kumashumi amabini anantathu. Kodwa uninzi lwabo loyiswa lwarhoxa emva kokufumanisa ukuba akukho ngeniso iyimali yaye into ifuna umntu asebenze ngokuzimisela. Ekugqibeleni sishiyeke silishumi elinambini. Emva kokuba iBRC isinike imbewu okokuqala kwakulindeleke ukuba sizithengele izithole ngokuya kwendlela yempatho yolushishini abasifundisa ngayo, ukuqhubela izitiya zethu phambili. Ekuqaleni ndandithenga imbewu kodwa emva kwethuba ndaqala isitiya esincinci apho ndilima khona izithole.
Emva koko iBRC yasinika iitanki zokulondoloza amanzi, ukuze sikwazi ukunkcenkceshela izityalo zethu. Zazimbalwa ezoo tanki, kungoko baqala ngabantu abane. Ndabanethamsanqa ukuba ngomnye wabantu abane abafumana uncedo lokwakhelwa ipitsi lamanzi. Ezitanki zazinkulu kakhulu zikwazi ukuthwala amakhulu amahlanu amawaka eelitha (500 000L) itanki nganye. Lamatanki ayenzelwe ukuxhasa imveliso yokutya ngokususa ingxaki yentswelo manzi.
Le ntlanganyela endandiyingxenye nayo isasebenza nangoku kodwa sesisele nje sisixhenxe kuyo. Abanye bemnkiswa nje bubunzima bomsebenzi kwacaca uba abakwazi kunyamezela. Ndicinga ukuba bubuvila obabenza ukuba bakhalale. Noxa ingumsebenzi onzima ndikhuthazwa kukwazi ukuba andizukuthenga yonke into le evenkileni.
Nabo bafuna ukufunda
Isibini ebantwaneni bam siyawuthanda umhlaba nokuvelisa ukutya kananjalo. Nabo bafuna ukufunda ukwazi ukutyala ndibafundisa ezozinto ndizaziyo ezinje ngokwenza iqonga lokulima, nokulima izityalo ezahlukeneyo zisondelelene, eyindlela ebaluleke kakhulu yokulima ngoba yenza ukuba isitiya sakho sikunike imveliso enkulu. Kubalulekile kwakhona ukuba wazi ukuba zeziphi izityalo ongazilima kunye nokuthi wazi ukuba zihlobene njani kwaye zincedana njani ekukhuleni kwazo.
Umzekelo, umfino kunye netswele zingatyalwa ndaweni nye, itswele liyazigxotha izinambuzane, nto leyo ekhusela umfino xa uhlanganiswe netswele. Ndibafundise nangokhuseleko lwezityalo kwizifo nokubaluleka kwemithi ukuba ibe yinxalenye yesitiya. Izityalo zam ndizikhusela ngekhala nonukanuka. Ndiyazixhimfa zozibini ndizifake emanzini, ndithathe lo manzi ndiwafafaze phezu kwezityalo. Lo mxube awuzibulali izinambuzane uyazigxotha nje kuphela. Uba ufuna umxube onamandla gcina ikhala lakho nonukanuka ixesha elide.
Enye yengqeqesho endayifumana eBRC kukulima imithi, ndibaxelele abantwana ngokubaluleka koku. Xa ulime umthi ekoneni yesitiya sakho kunika izityalo zakho ezikhulayo umthunzi. Esitiyeni sam ndilime imithi yeziqhamo equka imithi yebanana neyepesika. Njengoba ndinika izityalo zam umthunzi ndikwafumana neziqhamo, nto leyo ingummangaliso.
Impilo endayifundiswa ngumakhulu
Abantwana bam ndibanika kwalamfundiso yobom uMakhulu wandifundisa yona. Esitiyeni sam ndivelisa okwaneleyo ukondla ikhaya lam ze intsalela ndiyithengise. Ndiyakwaphisa ngokukutya kubabamelwane, izihlobo nezizalwane, kubantu abagulayo, nabantu balapha ekuhlaleni abacela into etyiwayo
Umhlaba apha uchumile kwaye unemveliso ephucukileyo yokutya. Andisebenzisi zikhemikhali ekukhuliseni ukutya, ndisebenzisa indlela yokulima yendalo eyadluliselwa kum ngabaphambili kum. Konke ukutya kwam kulinywe ngendlela yendalo ngoba abantu bayafa kukutya okunekhemikali nezichumisi zoozenzele,
Uthando lwam lokuzimela ndalifuna kuMakhulu. Ndiphila ngemfundiso kaMakhulu yokuzimela ingakumbi kwimveliso yokutya. Ndinamaqanda am avela kwiinkukhu zam, xa ndifuna ukutya ndivele ndiqhotse itswele, umfino kunye neqanda ndizenzele ukutya okunempilo.
Ndakuyeka ukuzikhulisela ukutya mhlana ndingasakwazi, umzimba ungavumi. Ingekafiki loo mini, mna nomhlaba siseza kujuxuza sidlale kunye.
Ndinethuba lokwenyani
Emveni kokufunda ngendlela yokulima yendalo esikolweni, kutamkhulu wam nakwiBRC, ndifumanise ukuba ndinethuba lokwenyani kwaye akuphelelanga nje kubungakani bekhaphetshu endilivelisayo okanye nokuba yintoni eyenye oyilimayo, koko bubomi nempilo yalowo utya ukutya okukhulisileyo.
Ndiqhube uqeqesho njengelungu le Ntinga Ntaba Ka Ndoda nabanye abantu, uninzi lwabo lwalusithi lento siyenzayo yokuthwala umgquba siwusasaze ezitiyeni inzima kakhulu[6]. Ndibaphendule ngokubaxelela ukuba abanyenzelekanga ukuba basilinganise ncakasana bangafumana iindlela ezilula kodwa baqinisekise ukuba abasebenzisi izichumisi zekhemikali nezinye ezisetyenziswa kulemizi-mveliso mikhulu. Kangangokuba kukho abantu abasebeqalile ukulima ngokwendalo noxa bebancinci nje.
Umnqweno wam kukuba bonke abantu bangaziqhelisa ukuba nesitiya nje esincinci ukuxhasa amakhaya abo, umzi ngamnye unganesitiya. Ezi zitiya zincinci zingakhula ekuhambeni kwexesha zikwazi ukondla abantu abaninzi ukutya okusempilweni,
Ndalahlekelwa ngabantwakwethu kwiminyaka edlulileyo
Kubantakwethu abasithandathu babini nje kuphela abasaphilayo. Owokuqala ukusishiya wasweleka ngo1978. Igama lakhe yayinguThembela, wayeneminyaka emithandathu ukusweleka kwakhe. Yayingumntwana wesihlanu esizalweni sikaMama. Yena nomzala wam, umntwana kadad’bo mama, babethunywe eposini ukuyokulanda iposi. Babedla ngoyokulanda iposi ngentsimbi yesihlanu emva kwemini belanda eyasekhaya neyabamelwane. Ukubuya kwabo loo mini bafika begabha into epinki. Basiwa exhweleni ngapha kwentaba kodwa bathi befika lwabe selimkile ixesha. Basweleka bobabini ngokusuku olulandelayo.
Aboo babehlala kufuphi neposi bavakalisa ukuba abantwana abo babizwa nguMomkhulu owayehlala ngaseposini, wabapha ukutya. Bambi bathi bambona uMomkhulu egalela amanzi abubomvurha ekutyeni kwabantwana. Kwaba nomlo nezityholo malunga nokuba uMomkhulu wabafakela ityhefu abantwana, kodwa akuzange kube nasiqinisekiso ngako oko. Kungoko angazange enziwe nto. Umzala nomntwakwethu babegqiba ukubhala iimviwo zamabanga aphantsi (Grade 2), iziphumo zabo zaphuma emva kokusweleka kwabo. Umzala wam wayephumelele ngogqatso lokuqala, umntakwethu ebambe elesithathu.
Laphinda laduduma lashiya ilifu elimnyama kwakhona ekhayeni lam, ndiphinde ndalahlekelwa ngabantwakwethu ethubeni. Ngo2009 ndalahlekelwa ngubhuti wam uVido. Waswelekela kwisitalato nje sesithathu ukusuka ekhaya uVido. KwakungoMgqibelo usuku lwesine kwinyanga yeKhala (Julayi), sasisandula ukubuya eKapa emngcwabeni womzala wam. Kuba ubhuti wayethanda ukubuya ngobusuku ndandihlala ndingawutshixi umnyango ukuze akwazi ukungena xa ebuya. Ndandilele phantsi nonyana wam uTsepo owayesemncinci kakhulu ngeloxesha. Ndandiwutshixile umnyango lomini, ndeva ubhuti enkqonkqoza. Ndathumela uTsepo ukuba ayokumvulela. Ubhuti nomhlobo wakhe uSongeze babefuna imali engange-R30 yokuthenga utywala. Ndamthumela kuPaula intombi yam, owayelele kwelinye igumbi, ukuba ayothatha ubugcwabalelana bemali endandinayo. Kusasa uPaula wazakundixelela ukuba ubhuti wam ulahlekile. Iiveki ezimbalwa nje phambi koku ndandiphuphe umntakwethu uThembela engqengqe ngasemlanjeni eswelekile. Ndamxelela umzala ukuba umntakwethu uswelekile usehlathini kufuneka siyokumfuna. Bandinqanda besithi ibiliphupha nje, yaba andivunyelwa ukuba ndiyokumkhangela ehlathini.
Emva kwemini kwangelo langa, ndabizwa ngutata kaTsepo endibuza ukuba ndizifumene na iindaba zokusweleka komntakwethu. Umzimba wakhe nowomhlobo wakhe yafunywanwa ehlathini nganeno komlambo. Kwakukho mfazi uthile apha ekuhlaleni onomzala owayedume ngokuthengisa iziyobisi. Kucaca ukuba wayegcina intsangu yalo mzala wakhe kwakhe. Kuthiwa ngemini yokusweleka kwabo umntakwethu nomhlobo wakhe babezama ukuyiba le ntsangu. Lo mfazi wabiza umzala wakhe waza wadubula uSongeze noVido wakugqiba imizimba yabo wayoyilahla ngasemlanjeni. Yabanjwa indoda eyababulalayo yasiwa enkundleni yamatyala kodwa akubanga kudala yakhululwa ngengqawule ye-R10,000 yaba kukuphela kwelotyala.
Ndikhumbula kakuhle yayinguMgqibelo womhla wama-15 kweyeDwarha (Oktobha) 2011 mhla sagutyungelwa lilifu emnyama kwakhona. Umntakwethu uPaul wayebonakala engaphilanga ndaqonda ukuba kumele aye esibhedlele. Kodwa akavuma ndahamba ke ndaya kumzala wam owayehlala kufutshane ukumxelela ukuba kwenzekani. Waza nam ekhaya naye wazama ukumbonisa ukuba kungcono aye esibhedlele. Endaweni yokuba ale kwelityeli ukhalaze ngempahla zakhe ezimdaka esithi akanokuya esibhedle enxibe impahla ezimdaka.
Ndagqiba ekubeni uzakuya esibhedlele noba kunjani, ndambekela amanzi ashushu ukuze ahlambe. Sithe sisalinde amanzi akhe abeshushu kwafika umama, naye wamxelela ukuba makaye esibhedlele. Wayengumntu onenkani, wavela waxelela umama, owayengaphilanga yena kuqala, ukuba ngoyena umele ukuya esibhedle ukodlula yena. Wahlamba wazinxibisa wathatha iphepha lakhe laseKliniki wakhwela emotweni wazisa esibhedlele. Yaba ndiyagqibelisa ukumbona umntakwethu esaphila lo mini. Wasweleka ngalomini asizange sazi ukuba wayephethwe yintoni.
Okwandonzakalisayo
Ukusweleka komntakwethu uPaul nomama ngenyanga enye kwandonzakalisa kakhulu. Ukusweleka kwabo ndandisandula ukuqala njengomncedisi eNtinga Ntaba kaNdoda. Kuba iyintlangano yomphakathi ayinamali, iNtinga yayingakwazi ukusibhatala imivuzo sasifumana nje isibonelelo esincane.
UMama nomntakwethu bandishiya ndonakele kakhulu. Ndandifumana inkxaso yezimali kubo besaphila. Ndandilugcwalisa olo ncedo lwabo ngokuthi ndilime isitiya sam, ingxaki yam yayikukuba ndandingekabi nasivuno saneleyo ukunceda abantwana bam. Emva kokusweleka komntakwethu, ndafumana ilifa lomhlaba awayewunikwe yikomiti yabahlali. Ndinawo nam umhlaba ongaphaya kwenduli kodwa ngenxa yokushokoxeka kwemali andikakhi ndlu kwelinye icala
Ukuzokuthi ga ku2009 uMama, ubhuti, kunye nam sasinomhlambi weenkomo neebhokhwe, sinomgquba owaneleyo ukuchumisa isitiya sethu. Savuna ngokwaneleyo ukuze sihlangabezane neemfuno zethu[7]. Ngelishwa ngo2009 ukuya ku2011 imfuyo yethu yatshabalala buphuthuphu. Andazi nangoku ukuba yintoni eyabulala imfuyo yethu. Inoba yayingumyolelo wabo abo baswelekayo ukuba imfuyo yabo nayo mayibalandele. Ndikholelwa ekubeni abantu bayakwazi ukuthetha izinto zenzeke.
Ukufunda ukuhlala noluntu
Ngomhla wesithandathu kuCanzibe (Meyi) kunyaka ka-2015, ndaphumelela eRhodes University iDiploma yophuhliso loluntu nokukhathalela abantwana. Ndibulela uNtinga Ntaba kaNdoda ngokundingenisa kwezi zifundo nangokundikhuthaza ukuba ndandise isakhono nolwazi lwam.
Njengelungu lombutho iNtinga Ntaba kaNdoda, ndifunde ukuququzelela iintlanganiso, ukuxazulula iingxaki nokwazi ukuthetha nabantu abasuka kwindawo ezahlukeneyo. Inkqubo endiyilandela kuNtinga Ntaba kaNdoda ayiphelelanga nje kulimo lendalo, ndifunda nokwazi ukuhlala nokuhlalisana noluntu, ukuxhasana nokondlana nokuziphatha ngendlela apho ungaze uphathwe yindlala okanye udinge.
Kumsebenzi endawenza ndisengumfundi eRhodes University apho ndafumana amanqaku aphezulu, ndabhala ngendlela endilima ngayo nangendlela oku kulunceda ngayo uluntu. Ootitshala bayithakazelela kakhulu indlela endachaza ngayo indlela yam yokulima, ubudlelwane endinabo nomhlaba nokuba ndaqala ukulima ndisemncinci.
Ndisuka kude kwaye ndifunde lukhulu kulehambo. Abantu basekuhlaleni babesijongela phantsi singamalungu eNtinga Ntaba kaNdoda abangabafazi. Umntu owayefumana intlonipho ngusihlalo weNtinga Ntaba kaNdoda nabantu abangosihlalo kwindibano zeelali. Babethi xa bendibona, mna nabanye abafazi abafana nam, babone abantu abangabalulekanga basiphathe ngathi akukho galelo singalenza eluntwini. Kuthe xa abanye bethu, ababengabalimi abasakhasayo, beqala ukubuza imibuzo, sibamba iingxoxo kwiintlangano zasekuhlaleni, ulwazi lwethu lwaqala lwafumana intlonipho.
Umhlaba yigolide kum
Ndinomdla omkhulu emhlabeni. Ndiziva ndikhululekile xa ndisesitiyeni sam. Naxa ndilambile ndisebenza esitiyenI, ndixelela uOyisa ukuba akuzise ukutya kum esitiyeni. Ngoba ukushiya isitiya uyokutya kuvele ibengathi yinkcitha-xesha. Ndiyazi futhi ukuba uba ndingaya endlini ndingaphazanyiswa zezinye izinto. Ukuba ndisebenza esitiyeni nesidlo sam ndisityela esitiyeni.
Ukuba ndandinokukhetha bendingasoze ndisishiye isitiya sam. Umhlaba uyimpilo kwizinto ezininzi eziphilayo. Kum umhlaba yigolide. Andifuni kuya ndawo, ndonwabile nje xa ndimana ndisomba ndityala imbewu.
Sibuyiselwa kumaxesha engcinezelo
Kukho imithetho emibini ephakanyiswe ePalamente engandiphathi kakuhle ‘’Umthetho wamalungelo wabavelisi bembewu’’, nomthetho ‘’Wokwenziwa ngcono kwezityalo’’[8]. Ndikhathezekile kakhulu ngalemithetho mibini ngoba ingathi kum isibuyisela emva kwixesha lwengcinezelo nobandlululo.
Eli nqanaba lemimiselo nolawulo lweembewu, mbewu ezo ziqinisekisa ulawulo lokutya luyingxaki. Siyasokola kakade kodwa le mithetho izakusishiya sisifa yindlala nangakumbi thina balimi basakhasayo. Ukwabelana ngembewu kuko okuncede izizukulwana zangaphambili ukonga iindidi ngendidi zembewu nokuqinisekisa ukutya kukhona kuluntu. Ngokwemiqathango yale mithetho kucace okwekati emhlophe ehlungwini ukuba asinakuphinde sabelane nganto. Oku kuthetha ukuthi xa umntu evune esitiyeni sakhe akakwazi kwabelana ngambewu nabanye abantu. Kumele ube nesivumelwano ufumane nemvume kuRhulumente phambi kokuba ungabelana ngembewu.
Bububhanxa bodwa obu! Bafuna sihlupheke ngokusinyanzelisa ukuthenga imbewu kwiinkampani zabalimi abakhulu. Kukho abenza imali kubekho abasebenzayo kuphela. Abo benza imali bafuna sisebenzele bona sisebenzise izinto zabo zolimo ukuze bathenge izivuno sethu ngamaxabiso aphantsi. Kule nkqubo, ziinkampani ezinkulu zolimo kuphela ezifumana inzuzo, kwakunye noonovenkile abakhulu. Ngumlimi osakhasayo olahlekelwayo kuyo yonke le nkquleqhu.
Ngoku uRhulumente ufuna ukuguqula amasiko wethu ukuze ipokotho zabanye ziphuphume. Le mithetho ayizukuphumelela nokuba bangasisa kwinkundla ephezulu yamatyala.
Ubomi obungcono
Omnye weminqweno yam kukuncedisa ukuphungula intlupheko, ngoba intlupheko iyagquba kweli. Amakhaya amaninzi awanakutya kwaneleyo ukuba batye okanye base abantwana babo esikolweni. Andifuni kubekho amakhaya athembele ngokuphelelyo kulowo okanye esosibini sisebenzayo ekhaya. Ndifuna amakhaya onke azenzele izitiya ukuzondla, sondle amakhaya ethu, abamelwane nabantwana ezikolweni.
Ndifuna abantwana esikolweni baqhubekeke ukufunda ngendlela zokuzikhulisela ukutya bakhule benaso eso sakhono. Ngalo ndlela, abantu kwiilali zethu abadala nabancinci banganempilo ephucukileyo. Ndicinga ukuba ubomi obungcono bungafikeleleka, apho sizikhulisela ukutya, sixhasane sikhusele nendalo. Ukuba singakwenza oko, singayibulala indlala, singabuphelisa nobukrelemnqa obongezeka ngesantya esikhulu elizweni lethu.
Ndiyintombi yomXhosa ndizalwa kumhlaba wakwaXhosa, futhi ndikholelwa ukuba xa ndinento ndabelane nommelwane wam kwakunye nosapho lwam. Yiyo indlela yabantu bakuthi leyo.
- Upper Ngqumeya imelene neNgqumeya kwiingingqi yelali zase-Amathole District Municipality,eMpuma Koloni.
- eMonti (East London) esi sixeko sikwinginqi engqongwe lulwandle lwe Indian Ocean, eMzantsi Afrika apha eMpuma Koloni.Lidume kakhulu ngamalwandle anjenge Nahoon kunye neCove Rock.
- Border Rural Committee(BRC) ngumbutho ozimeleyo osebenza kwiingingqi eziphakathi nempuma apha eMpuma Koloni,eMzantsi Afrika. “BRC ikhusela amalungelo abantu kunye nenkululeko lwahlali basezilalini,ikwaphakamisa utshintso kulawulo lwezemihlaba emaphandleni( ijongene kakhulu imbuyekezo womhlaba ukwenza ngcono impilo yabantu nendawo zabo) ikwancedisa iinzame zabahlali ukulondoloza indalo, isakha ikamva nokuziphilisa okuzinzilelyo emaphandleni.” Incazelo ephangaleleyo ungayifumana apha: http://www.brc21.co.za/ (accessed November 9, 2018).
- Umsebenzi owenziswa nguBRC kwelicandelo “ lokuphuhlisa imhlaba obuyiselwa eluntwini”(betterment restitution) ukwizinga eliqaqambileyo kwaye ubonakilisa izakhono xa ujonga kwimisebenizi yabo kulangingqi yaseCata negalelo labo kukubuyiselwa komhlaba ngoOctober 2000 nakwingingqi ezinqqonge ezilali zase Qoboqobo ngonyaka ka the settlement of betterment claims in all other communal villages in June 2002.
- “Ukutyala izityalo ezohlukileyo(intercropping) zisondelelane.Injongo yokusebenzisa oluhlobo kukuvelisa izivuno ezininzi usebenzisa amandla ezendalo kunokuba ubenemveliso yesityalo esinye kumhlaba wakho.” Ukufumana incazelo ngalendlela jonga: https://www.sruc.ac.uk/news/article/1941/eu_remix_project_on_intercropping_showcased_at_cereals_in_practice (accessed November 5, 2018).
- Ntinga Ntaba kaNdoda ngumbutho oyimbuba yabahlali ezilalini omele amalungelo,imihlaba kunye nophuhliso lwasezilalini.Lombutho useQoboqobo,eMpuma Koloni,eMzantsi Afrika.Wasekwa ngabahlali ngonyaka ka 2002, njengombutho oncedisa ukuphakamisa imisebenzi nembono zabahlali ukuba ziyephambili.
- “Kraal”(,ikwabizwa “ craal okanye kraal”) ligama elisuka kwi Afrikaans kunye nakumaDutch (likwasetyenziswa nangabo bathetha ulwimi lwamaNgesi).Kulapho iinkomo okanye nemfuyo ihlala khona,yindawo ebiyelwa ngendonga okanye ucingo. AmaXhosa as eMpuma Koloni bayibiza lendawo ubuhlanti.”Yakhiwa ibesisangqa”. Ulwazi oluphangaleleyo lufumaneka: https://www.revolvy.com/page/Kraal (accessed November 7, 2018).
- Ukuqhanqalazela ukuba lemithetho engqamene nokwabelana kwimbewu apha eMzantsi Afrika ngumba ophambili kakhulu kubalimi abancinane abaziphlellayo apha Emzantsi Afrika.Le mithetho izakuthintela ukuvelisa,ukugcina nokwabelana kwimbewu eziveliswa ngendlela yezendalo. Lemithetho iphambi kwabo baqulunqa baphumeze imithetho ePalamente yoMzantsi.